1. Izikolo ezazabelwe isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso ngo-2008, nezisanqwenela ukuqhubeka zifundisa esi sifundo ngo-2009, kwakunye nezikolo ebezicele isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso, mazizalise iifom zokwenza isicelo eziqhotyoshelweyo.
2. Iifom zokwenza isicelo ezizalisiweyo mazingeniswe ngokusiwa ngumntu okanye ngokuposelwa kuMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam yoMdaniso, uJ. van Papendorp, kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni kule dilesi: Private Bag X9114, Cape Town, 8000, okanye nge-imeyili apha jpapendorp@pgwc.gov.za engadlulanga uLwesihlanu we-15 Agasti 2008.
3. Ziyacelwa izikolo ezinganqweneli kusigcina isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso ngo-2009 ukuba zazise uMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam yoMdaniso, uJ. van Papendorp, nge-imeyili apha jpapendorp@pgwc.gov.za , engadlulanga uLwesihlanu we-15 Agasti 2008.
4. Ukucacisa gca iikhrayitheriya ezisetyenziswa ekukhetheni izikolo eziza kwabelwa izithuba zengqesho zootitshala bomdaniso, fumana olu xwebhu luqhotyoshelwe apha ‘Criteria for the Allocation of Dance Posts’ (September 2006), oluthunyelelwayo.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:30

"Application for a dance teacher post for the year 2009"  (ubukhulu: 20 KB)
"Criteria for the Allocation of Dance Posts"  (ubukhulu: 15 KB)