1. INgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ye-FET DCF/0007/2008 nale-DCF/0018/2008 zinike izikolo ikhathalogu entsha yeencwadi zezifundo ezivunyiweyo nguzwelonke zeBakala 10 ngo-2009.
2. Zonke iincwadi zezifundo zeBakala 10 ezikule khathalogu ekhankanywe apha ngasentla zihlaziyiwe zenziwa zangqinelana neZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines) (SAGs) zakutshanje kunye neeProgram zeZikhokelo zeZifundo (Learning Programme Guidelines) (LAGs).
3. ISebe leMfundo likazwelonke linike umgaqo-sikhokelo wekhontenti omtsha (new content framework) weeSayensi zezeNtlalo ekufuneka uphunyezwe kwiBakala 10 ngo-2009 (Funda iSetyhula 0005/2008).
4. Ngenxa yezi nguqu zenzeke kwikharityhulam yeBakala 10, iSebe leMfundo likazwelonke licebise ukuba izikolo zi-odole iincwadi zezifundo zeBakala 10 zika-2009 kule khathalogu intsha.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyavuma ukubonelela ngencwadi yesifundo umfundi ngamnye weBakala 10 kwisifundo ngasinye kwezi zilandelayo:
5.1 1IiSayensi zoBomi kunye
5.2 Neyesifundo esinye kwezi zilandelayo: uLwazi ngezoBomi okanye iMathematika okanye uLwazi lweMathematika okanye iFizikhali Sayensi
6. Iinqununu ziya kwaziswa ngolwabiwo-mali lwebhajethi yezikolo zazo nenkqubo yerikhwizishini yale projekthi kwileta esihloko sithi: ALLOCATION TO SUPPLEMENT THE PURCHASE OF TEXTBOOKS FOR GRADE 10 (ULWABIWO-MALI LOKONGEZELELA EKUTHENGENI IINCWADI ZEZIFUNDO ZEBAKALA 10). Le leta iya kuthunyelwa ngekhompyutha nangeposi.
7. Iifom zerikhwizishini mazisayinwe yinqununu nosihlalo wekomitana esingethe ukuthengwa kweencwadi zize zigximfizwe ngesitampu sesikolo saseburhulumenteni. Iifom zerikhwizishini mazingeniswe ngesandla okanye zithunyelwe ngeposi engadlulanga uLwesihlanu, we-8 Agasti 2008, kule dilesi ilapha ngezantsi:
For attention: Mr O De Young (Ifoni: 021 900 5011)
Grade 10 Special Project
Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI)		
Nooiensfontein Road/Private Bag X14
Kuils River	
7579
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa iintloko zezifundo ezichaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-SM NAIKCER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:18

isiHlomelo A:  "New catalogue"  (ubukhulu: 40 KB)
isiHlomelo B:  "Requisition for Grade 10 textbook project"  (ubukhulu: 17 KB)