1. Inkampani uCareer Planet iya kuqhuba imiboniso yeCareer Planet Kiosk kula maziko eevenkile (shopping malls) alandelayo aseNtshona Koloni:
  • Canal Walk: 22 - 26 Julayi 2008
  • Blue Route Mall: 6 -9 Agasti 2008
  • Tygervalley Centre: 13 -16 Agasti 2008
  • Canal Walk: 20 -23 Agasti 2008
  • Blue Route Mall: 27 -30 Agasti 2008
2. Injongo yalo mboniso kukuthagetha abafundi bamaBakala 8 ukuya ku-12 yaye ukwajolise ekwaziseni ngamathuba anxulumene namakhondo omsebenzi abalulekileyo nanomdla. Lo mboniso yinkonzo yamahala eyenzelwa bonke abafundi, ootitshala nabazali kwaye bangeza kujonga nanini na ngethuba leeyure zokuthenga kula maziko eevenkile.
3. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba ukuza kulo mboniso ngethuba leeyure zesikolo kufuneka zifumane imvume kumlawuli wesithili kwaye isikolo siya kuzihlawulela ngokwaso iindleko zokuya kumboniso.
4. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngalo mboniso, nokuba ubhukishele ukuza kuwo njengeqela lesikolo, kucelwa uqhagamshelane noMs Karin Chisholm kwezi nombolo zefoni: 021 557 5639 (eyomsebenzi) okanye 0866 716 021 (f).
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:02