1. ISebe leMfundo likazwelonke lihambisa le ncwadi ikhankanywe apha ngasentla eveliswe ngabeeNkonzo zeNgeniso zaseMzantsi Afrika (South African Revenue Services) ngo-2007.
2. Le ncwadi inika abafundi bamaBakala 10 - 12 ingcaciso ngerhafu kwaye inxulumene neziphumo zokufunda zesifundo soLwazi ngezoBomi, njengoko kuchaziwe kwiSahluko 5 sale ncwadi.
3. Ngasinye isikolo esiphakamileyo siya kufumana iikopi eziyi-3 zale ncwadi, nemayinikwe ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bamaBakala 10 - 12.
4. Ezi ncwadi ziya kusiwa kwii-ofisi zezithili zemfundo ukususela nge-1 Julayi 2008 ukubheka phambili kwaye ngasinye sisikolo masiye kuzithatha kuMcebisi ngezeKharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:02