1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqhubela phambili ngokwenza amalungiselelo oqeqesho lootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ekufundiseni isifundo samakhondo emisebenzi (career guidance).
2. Bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kufuneka bazithembe babe nolwazi nobuchule kwisifundo samakhondo emisebenzi abasifundisa abafundi.
3. Iikhosi zoqeqesho kwiprogram yePACE: World of Work ziya kwenzelwa ootitshala bamaBakala 7, 8 nele-9 ngokulandelelanayo abangakhange bafumane qeqesho kule program ngaphambili. Iikhosi zoqeqesho lootitshala beBakala 7 ziya kuqhubeka nge-6 Septemba 2008, ezootitshala beBakala 8 nge-13 Septemba 2008, zize ezootitshala beBakala 9 zibe nge-20 Septemba 2008.
4. Ikhosi yoqeqesho kwiprogram yePACE: Advise and Refer iya kwenzelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bamaBakala 10 - 12 abangalufumananga uqeqesho kule program ngaphambili. Le khosi yeentsuku ezi-3 iya kuba nge-29 ne-30 Septemba nange-1 Oktobha 2008.
5. Kucelwa utitshala abe MNYE kwisikolo ngasinye ukuba aye kuyo nganye yeeseshoni zebakala elithile kwicandelo le-GET. MNYE utitshala we-FET kwisikolo ngasinye ekucelwa ukuba aye kule khosi yeentsuku ezi-3.
6. Iikhosi ze-GET ziya kwenzelwa e-C-EI, CTI, Nooiensfontein Road, eKuils River nase-Esselenpark Senior Secondary School, Buitenkant Street, Esselenpark, eWorcester. Bayacelwa ootitshala abavela kwezi Zithili zeMfundo Overberg, Cape Winelands, Eden & Central Karoo ukuba baye kwezi khosi kwindawo yoqeqesho eseWorcester, lo gama ootitshala abavela eWest Coast nakwizithili ezisezidolophini kufuneka benze isicelo sokuya kwezi khosi eKuils River. Kucelwa ubhale phantsi oko ukukhethayo kwifom yobhaliso eqhotyoshelweyo.
7. Ikhosi ye-FET iya kwenzelwa e-Sarepta Senior Secondary School, eKuils River nase-Esselenpark Senior Secondary School, Buitenkant Street, Esselenpark, eWorcester.
8. Zonke iikhosi ziya kuqala ngqo ngo-8:30 kusasa zize ziphele ngo-16:00 ngenjikalanga.
9. Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza izicelo zebango lentlawulo ngezi ndleko mabeze ekhosini nale ngcaciso ilandelayo:
  • Inombolo yePESALI
  • Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho
10. Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo entlawulo ngeendleko zendawo yokuhlala phambi kokuba bagoduke ngosuku lokugqibela lwekhosi.
11. Makuzaliswe ifom yobhaliso eyahlukileyo (separate registration form) ngotitshala ngamnye. Ziyacelwa iinqununu ukuba zithumele ngefeksi ifom yobhaliso, isiHlomelo A, kuNksk D. Christiaans, uMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam (Senior Curriculum Planner) yeLife Orientation, apha 021 467 2258 okanye 021 467 2622, ungadlulanga owe-8 Agasti 2008.
12. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa iifom ze-IQMS zootitshala.
13. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.
14. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans kule nombolo yefoni 021 467 2589 okanye umthumelele i-imeyili apha dchristi@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-SM NAIKCER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:26

isiHlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)