1. I-Economics, esisifundo ozikhethelayo (elective subject) esifundiswa kwicandelo le-FET, sineziphumo zokufunda ezine, ezizezi, iMacro-Economics, iMicro-Economics, iEconomic Pursuits neContemporary Economic Issues.
2. Ekupheleni koomasifundisane bangeMigqibelo beMicro-Economics ngo-2007 bokuqhelanisa ootitshala nesi sifundo, ootitshala abaninzi bavakalisa ukuba bafuna enye ikhosi kwiMicro-Economics ukuze bakwazi ukufundisa ikharityhulam entsha ye-Economics ngendlela eyiyo.
3. Ikhosi yokuzihlaziya yosuku olunye iya kuqhutywa ngeMigqibelo, njengoko kubonisiwe kwisiHlomelo B. Le khosi ifundisa ngeMicro-Economics (IsiPhumo soKufunda 2) iBakala 12.
4. Ootitshala abantetho isisiNgesi mababhalise kwii-ofisi zezizithi zemfundo. Ootitshala abantetho iyi-Afrikansi abakwizithili ezisezidolophini bangabhalisa kwisithili semfundo esikufuphi nabo esenza le khosi nge-Afrikansi (o.k.t. kwiMetropole North okanye kwiMetropole East).
5. Kucetyiswa ukuba bonke ootitshala be-Economics beBakala 10 - 12 baye kulo masifundisane. Le khosi iya kuqala ngqo ngo-8:30 kusasa ize iphele ngo-16:00. Kuya kubakho iziphungo nesidlo sasemini esilula.
6. Bayacelwa ootitshala ukuba beze kumasifundisane bephethe i-Grade 10-12 Economics Learner Books and Teacher Guides zabo.
7. Ootitshala basemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza amabango ngezi ndleko mabeze nale ngcaciso ilandelayo kwindawo eqhubekela kuyo ikhosi:
  • Inombolo ye-PESALI
  • Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo
  • Umgama oziikhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yendibano
8. Ootitshala abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni, abahlala kumgama ongaphezu kwe-120 yeekhilomitha ukusuka kwindawo yendibano, nabafuna indawo yokuhlala nokulala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lokugqibela lwekhosi.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zifeksele iifom zobhaliso (isiHlomelo A) kumcebisi ngezekharityhulam we-Economics kwisithili semfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-27 Juni 2008. Funda iziHlomelo A no-B. Kucelwa ubonise indawo yokuqhubela umasifundisane echanekileyo oza kuya kuyo kwifom leyo.
10. Iinqununu zingaqhagamshelana nomcebisi ngezekharityhulam we-Economics wesithili semfundo esichaphazelekayo (isiHlomelo B) ukufumana ingcaciso engaphezulu.
11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane yecandelo lekharityhulam utitshala oyintloko yesifundo se-Economics nootitshala be-Economics.


ISAYINWE: NGU-SM NAIKCER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:20

isiHlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 13 KB)