1. Injongo yesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono kuBemi beli (2006) kukuqinisekisa ukuba inkqubo yemfundo ivelisa abantu abatsha abanolwazi, abanezakhono, abazijonga izinto ngeliso elibukhali nabalungelana nazo zonke iimeko baye bakwazi ukuxhamla kumathuba exesha elizayo.
2. Kubalulekile ukuba abafundi bafumane ulwazi oluphangaleleyo ngee-nguquko kwilizwe jikelele ngokunjalo namathuba athi adalwe zizo ezinguqu.
3. Njengenxenye yemiBhiyozo yoSuku loLutsha, iKhomishoni yoLutsha yaseNtshona Koloni isindleka umboniso wamakhondo emisebenzi nge-15 Juni 2008 kumabala ezemidlalo aseYunivesithi yaseNtshona Koloni ukuqala ngo-10:00 - 16:00. Esi siganeko sixhaswa yi-WCED.
4. Le leta imema kwaye ikhuthaza bonke abafundi beBakala 10 nele-11 ukuba baye kwesi siganeko.
5. Abenza umboniso baya kunika ingcaciso malunga namathuba amakhondo emisebenzi, ukhetho lwamakhondo emisebenzi, uphuhliso lwezakhono nezoshishino.
6. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngesi siganeko, kucelwa uqhagamshelane noMnu Lazola Gungxe kule selula 072 225 3772.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi be-FET.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:13