1. Bonke ootitshala abafundisa i-Afrikansi kubafundi beBakala 12 bayamenywa yiLetterkundeondersteuningskomitee (LOK) ukuba baye kwisimpoziyam ka-2008 eya kubanjelwa kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni ngoLwesihlanu, we-22 Februwari 2008 ukususela ngo-13:00 -18:00, nangoMgqibelo, we-23 Februwari 2008 ukususela ngo-9:00 - 13:30.
2. Injongo ephambili yale simpoziyam kukuxhasa ukufundiswa koncwadi. Nakuba kunjalo, kuya kugxininiswa kwakhhona ekunikeni inkxaso ekufundisweni kwezinye iinkalo ezinjengokusetyenziswa kolwimi nokubhala. Iprogram yesimpoziyam yokugqibela iya kufumaneka kwiziko lewebhu apha http://curriculum.pgwc.gov.za ukususela nge-4 Februwari 2008.
3. Imali yokungenela yi-R150,00 umntu ngamnye kwaye abantu abanomdla bangadiphozitha esi sixa-mali apha ABSA cheque account number 4070291411, branch code 523410. Iitshekhi mazibhalwe oku Letterkundeondersteuningskomitee (LOK).
4. Abantu abanqwenela ukuthatha inxaxheba mabazalise ifom yokungenela bayifeksele, kunye nobubungqina bentlawulo, kuNks Janine Pekeur kule nombolo yefeksi 021 959 1249 ungadlulanga umhla we-8 Februwari 2008. Akukho mangenelo afika emva kwexesha aya kwamkelwa.
5. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:22

IFOM YOKUNGENELA  (ubukhulu: 8 KB)