1. Kucelwa ukuba zonke izikolo ze-FET ezifundisa iConsumer Studies neHospitality Studies kumaBakala 10 - 12 zithathele ingqalelo ezi zinto zilandelayo:
1.1 Akukho sikolo masifundise ezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla singenazo iziseko zophuhliso nezixhobo zokusebenza (infrastructure and equipment) eziyimfuneko.
1.2 Izikolo esezifundisa iConsumer Studies zingenazo iziseko zophuhliso nezixhobo zokusebenza eziyimfuneko mazinike umsebenzi wovavanyo wepraktikhali ongomnye (alternative practical assessment task (PAT)) weBakala 12 kwiKota yesi-2 neyesi-3 ngo-2008. Izintlu zemisebenzi yezifundo zozibini ziyafumaneka kubacebisi ngezekharityhulam abachaphazelekayo kwii-ofisi zezithili zemfundo.
2. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngee-PAT kwezi zifundo, kucelwa ufunde le setyhula Circular S8 kaSeptemba 2006.
3. Uyacelwa ukuba wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:10


"For more information on PATs see  Circular 11 of 2008  or visit the  Examinations and Assessment  section of the WCED Curriculm Development web site ( http://curriculum.pgwc.gov.za )."