1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenza iprojekthi eyodwa yokunika bonke abafundi beBakala 12 abakwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa (special schools) iincwadi ezi-3 zoncwadi olumiselweyo (prescribed literature books) zoLwimi lweNkobe (Home Language) neencwadi ezi-2 zoncwadi olumiselweyo zoLwimi lokuQala oLongezelelweyo (First Additional Language).
2. Le projekthi inika inkxaso kwiimviwo zoncwadi lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) (iPhepha 2) zika-2009.
3. Baceliwe abapapashi ukuba beze kubonisa iincwadi zoncwadi lwabo oluvunyiweyo kwiindawo zemiboniso yeencwadi ezikwizithili ukususela nge-2 - 12 Juni 2008. Kuya kubakho kwindawo nganye ingcaciso-ntetho (presentation) yeyure enye, yokucacisa iimfuno zeemviwo zoncwadi olumiselweyo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke olulungiselelwe abeBakala 12 ngo-2009 kuye kutsho ku-2011. Iinkcukacha zeendawo nabantu abakwizithili ekuqhagamshelwana nabo banikwe kwisiHlomelo C esiqhotyoshelweyo.
4. Bayacelwa ootitshala beelwimi ukuba baphathe ezi zintlu ziqhotyoshelweyo zoncwadi olumiselweyo xa besiya kwindawo yokubonisa iincwadi kwaye balisebenzise eli thuba ekuxoxeni nabalingane babo (colleagues) kunye namagosa ezekharityhulam ngeencwadi zabo zoncwadi olumiselweyo abazikhethileyo.
5. Le ngcaciso imfutshane yekharityhulam ihamba kunye nezintlu zeencwadi zoncwadi olumiselweyo lukazwelonke lweBakala 12. Ikomiti kazwelonke ejongene nokukhethwa kweencwadi zokufunda (national selection committee), ebandakanya amagosa emfundo, imibutho yabasebenzi nootitshala, iziphicothile ezi ncwadi, isebenzisa iintlobo ngeentlobo zeekhrayitheriya, kubandakanywa ukuthotyelwa kwemigqaliselo ye-NCS. Iincwadi ezimiselweyo mazikhethwe kwizintlu eziqhotyoshelweyo (kwisiHlomelo A). I-WCED ayisayi kuhlawulela iincwadi ezingakhethwanga kwezi zintlu.
6. Nazi izihlomelo eziqhotyoshelweyo nenizithunyelelwayo:

IsiHlomelo A - IKhathalogu yeBakala 12 yeencwadi zoncwadi olumiselweyo nezivunywe yi-DoE
IsiHlomelo B - Ifom yerikhwizishini
IsiHlomelo C - Iindawo zemiboniso yeencwadi zoncwadi olumiselweyo zeBakala 12

7. Izikolo mazikhethe iincwadi zazo zoLwimi lweNkobe kunye/okanye zoLwimi lokuQala oLongezelelweyo zize zizingeniswe zibhalwe kwifom yerikhwizishini (IsiHlomelo B). Ziyacelwa izikolo ukuba zibhale ezi zinto zilandelayo kwifom yerikhwizishini:
  1. Iincwadi zazo ezizikhethileyo kwezimiselweyo zohlobo ngalunye kwiintlobo ezi-3 zoncwadi oluza kufundwa kuLwimi lweNkobe
  2. Iincwadi zazo ezizikhethileyo kwezimiselweyo zohlobo ngalunye kwiintlobo ezi-2 zoncwadi oluza kufundwa kuLwimi lokuQala oLongezelelweyo
  3. Inani leencwadi eziyimfuneko kuhlobo ngalunye
    (Qaphelani oku: i-odolo yeBakala 12 ka-2009 mayingadluli kwinani labafundi elibhaliswe kwiBakala 12 ngo-2008 ngaphezu kwe-20%, ngaphandle kokuba kuthunyelwe isizathu esibhaliweyo sokuthethela oko kuMlawuli weKharityhulam ye-FET kwaye oko kube kuvunyiwe ngaphambi kwe-15 Juni 2008.)
  4. Umthengisi weencwadi ovunyiweyo oye watyunjwa sisikolo
    ((Umthengisi weencwadi okhethiweyo uya kuqeshwa ngemvumelwano yi-WCED ukuba ase iincwadi ezikolweni. Uluhlu oluhlaziyiweyo lwabathengisi beencwadi abavunyiweyo lwafakwa kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lokuThengwa kweeNkonzo neeMpahla 0007/2008, yomhla we-21 Apreli 2008.)
Iirikhwizishini ezingenisiweyo ezingayifakanga yonke le ngcaciso ilapha ngasentla ziya kubuyiselwa emva.
8. Ifom yerikhwizishini (isiHlomelo B) mayisayinwe yinqununu nosihlalo webhunga lolawulo lesikolo, ize isiwe ngesandla okanye iposelwe kwidilesi efanelekileyo kwezi zilapha ngezantsi:
Idilesi yesitrato 
ukulungiselela ukuyisa ngesandla: LTSM Special Projects, 
                                  Bokmakierie College,
                                  New Nooiensfontein Road,
                                  Kuils River, 7580
OKANYE
Ngedilesi yeposi: LTSM Special Projects, Private Bag X14, Kuils River, 7579
Iirikhwizishini mazifike kwezi dilesi ingadlulanga imin’ emaqanda yowe-25 Juni 2008.
9. Zakuba nje zisiwe iincwadi ezikolweni, mazibhalwe kwi-inventri yesikolo, zifakwe istampu sesikolo saseburhulumenteni zize zinikwe abafundi ngosuku okanye phambi kosuku lokuqala lwesikolo ngo-2009. Abafundi mabayalelwe indlela yokugcina ngenkathalo iincwadi kwaye kufuneka kuveliswe indlela yokubuyiswa kweencwadi ngabafundi ekupheleni konyaka. Amagosa e-WCED aya kukubeka esweni ukuphunyezwa kwezi mfuneko xa atyelela izikolo.
10. I-WCED inovuyo kukuba nako ukunika ezi ncwadi zokufunda ezikolweni kwaye ikwanethemba lokuba ziya kusetyenziswa ngendlela efanelekileyo ukwenzela ukunika imfundo eyiyo.


ISAYINWE: NGU- P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:28

isiHlomelo A: "Grade 12 Literature Catalogue for 2009"  (ubukhulu: 38 KB)
isiHlomelo B: "Requisition Form"  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo C: "Exhibition venues and district contact persons"  (ubukhulu: 12 KB)