1. Umasifundisane wokuqhelaniswa nesifundo uya kwenzelwa bonke ootitshala baseNtshona Koloni be-Engineering Graphics and Design nootitshala be-Civil Technology ngexa leeholide zesikolo zikaJuni 2008. Aba masifundisane baya kusingatha iimfuno ezimiselweyo zovavanyo lwezifundo ezintsha baze bagxile kuphuhliso lomsebenzi wovavanyo lwepraktikhali.

Olu qeqesho luya kuqhubekela e-Eden & Karoo District, eCape Winelands District nakwiCape Metropolitan area. Iindawo namaxesha aya kubhengezwa kwakuba nje sele kuqinisekiswe ngomdla wootitshala kule khosi yaye kwaqeshwa umboneleli-nkonzo.

Ootitshala abanqwenela ukuya kumasifundisane mababhalise kwaNdlunkulu. Le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (iSihlomelo A) mayizaliswe ize ingeniswe ungadlulanga owe-26 Meyi 2008 kuMnu V J de Bruin kule dilesi ye-imeyili vdebruin@pgwc.gov.za okanye ithunyelwe ngefeksi apha 021 467 2258. Iifom ezingeniswe emva kwexesha azisayi kwamkelwa. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana noMnu de Bruin kule nombololo yefoni 021 467 2242.

2. Iimfuno malunga nomasifundisane

Ootitshala mabeze kumasifundisane nala maxwebhu alandelayo anikwa izikolo:

  • National Curriculum Statement for Engineering Graphics and Design / Civil Technology
  • Subject Assessment Guidelines
  • Engineering Graphics and Design / Civil Technology PAT 2007, Revised Feb 2008
3. Iindleko zendawo yokulala nezohambo
3.1 Ootitshala abafuna indawo yokulala mabazibhukishela ngokwabo indawo yokulala kwaye banokungenisa iifom zamabango eendleko eziya kutsho kuma-R750 ezona ziphezulu ngosuku (ezibandakanywa zonke izinto- isidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa).
3.2 Ootitshala abakhetha ukuzilungiselela indawo yokulala yabucala neentsapho zabo okanye abahlobo babo banokungenisa iifom zamabango eendleko eziya kutsho kuma-R200 ezona ziphezulu ngosuku. Kwiimeko ezilolu hlobo, makuqhotyoshelwe irisithi kwifom yamabango eqhotyoshelweyo.
3.3 Ootitshala bobuyiselwa kwakhona ngeendleko zohambo.
3.4 I-WCED ayisayi kubuyisela ootitshala iindleko ekungenwe kuzo zokufowunela izinto zabucala (private telephone calls) okanye zokusela iziselo ezinxilisayo.
4. Iindlela zokwenza amabango eendleko
4.1 Ootitshala mabangenise iifom zabo zamabango eendleko kumphathi wendawo ekupheleni kwekhosi.
4.2 Kubalulekile, ke ngoko, ukuba utitshala ngamnye aze nezi zinto zilandelayo kumasifundisane:
  • Inombolo yepesali
  • Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi esisetyenziswe kuhambo
  • Iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki
  • Zonke ii-invoyisi ezifanelekileyo ezisebenza njengobungqina benkcitho (ngosuku lokugqibela)
4.3 Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonkewonke (iinkonzo zebhasi noololiwe) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kumabango abo. Apho ootitshala basebenzisa iimini-bhasi, izicelo zamabango mazihambe kunye neerisithi okanye ileta evela kwinqununu echaza ngeendleko ekungenwe kuzo. Utitshala ngamnye makangenise ifom yebango eyahlukileyo nengqinisisiweyo (separate verified claim).
4.4 Akukho titshala uya kubuyiselwa ngeendleko zohambo okanye zokulala ekungenwe kuzo ukuya kwindawo yoqeqesho ukuba usuka kwindawo ebechithe kuyo ikhefu, okanye kuyo nayiphi na indawo eyenye engeyiyo leyo yakhe ahlala kuyo isigxina.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala be-Engineering Graphics & Design and Civil Technology bamaBakala 10 - 12.


ISAYINWE: NGU-P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:23

iSihlomelo A:  Registration form  (ubukhulu: 57 KB)