1. Kuya kubanjwa inkomfa encinane yootitshala beJografi nabeeSayensi zeNtlalo nge-12 ne-13 Septemba 2008. Umxholo wenkomfa uthi “A changing geography for a changing world” kwaye le nkomfa iya kugxinisa kuphuhliso lwesifundo, kwakunye nakwiindlela zokufundisa, zokufunda nezovavanyo eklasini yejografi.
2. Le nkomfa iya kubanjelwa eMain Hall kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni eModderdam Road, eBellville. Le program intsuku-mbini iya kufumaneka kusakuba nje kuqinisekiswe umdla wootitshala kule nkomfa. (Fumana okuqhotyoshelwe apha, njengesiHlomelo A, uluhlu lwezihloko ekungaxoxwa ngazo kule nkomfa. Ziya kuthakazelelwa naziphi na iingcebiso ngezihloko ezinokongezwa.)
3. Ootitshala abaya kuya kule nkomfa incinane kufuneka babhalise kumcebisi ngezekharityhulam wabo ochaphazelekayo kwi-ofisi yabo yesithili semfundo. Kufuneka kungeniswe le fom yobhaliso iqhotyoshelwe apha (isiHlomelo B) kumcebisi ngezekharityhulam ungadlulanga owe-13 Juni 2008. Akukho bantu babhalise kade baya kwamkelwa.

4. Iindleko zokuhamba nezendawo yokulala
4.1 Ootitshala abahamba umgama ongaphezu kweekhilomitha ezili-100 ukusuka kwindawo yenkomfa bangenza awabo amalungiselelo endawo yokulala baze bafake ibango ngeendleko zabo eliyi-R750 elona liphezulu ngosuku (ezibandakanya konke - isidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa).
4.2 Ootitshala abakhetha ukuzilungiselela indawo yokulala yabucala neentsapho okanye nabahlobo babo bangenza ibango ngeendleko zabo eliyi-R200 elona liphezulu ngosuku. Kwiimeko ezilolu hlobo, makuqhotyoshelwe irisithi kwifom yebango engeniswayo.
4.3 I-WCED ayisayi kubabuyisela ootitshala ngeendleko ekungenwe kuzo ngokufonela bucala (private telephone calls) okanye ngokusela iziselo ezinxilisayo.

5. Iindlela zokwenza ibango ngeendleko
5.1 Ootitshala mabangenise iifom zabo zebango kumphathi wenkomfa kwindawo ekuqhutyelwa kuyo inkomfa ekupheleni kwenkomfa. Kubalulekile ke ngoko, ukuba utitshala ngamnye aze nezi zinto zilandelayo kwinkomfa ngosuku lwesibini:
  • Inombolo yePesali yakhe
  • Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi sokuhamba asisebenzisileyo
  • Iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki yakhe
  • Zonke ii-invoyisi ezinxulumene neendleko zendawo yokulala nehambo
5.2 Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke (iinkonzo zebhasi noololiwe) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kwizicelo zabo zebango. Apho ootitshala basebenzisa iimini-bhasi, makuqhotyoshelwe nokuba ziirisithi ezikhutshiweyo okanye ileta evela kwinqununu yabo, echaza ngeendleko ekungenwe kuzo.
5.3 Utitshala ngamnye makangenise ibango lakhe yedwa elingqinisisiweyo (separate verified claim).

6. Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zabacebisi ngezekharityhulam:
Isithili semfundo nedilesi yeposiIfeksiIfoniUmcebisi ngezekharityhulam
Metro Central
P.O. Box X4, Athlone, 7764
021 659 4413021 659 4324Penny Liknaitzky
Metro South
P Bag X2, Mitchell’s. Plain, 7785
021 372 1856021 370 2000Najoewa Awaldien
Metro North
P Bag X14, Bellville, 7535
021 9383183021 938 3000Wilma McPherson
Metro East
P Bag X13, Sanlamhof, 7580
021 903 2149021 900 7194Andre Filander
Overberg
Durban Rd Worcester
023 342 4138023 348 4600Vernon Munnik
Cape Winelands
Durban Road, Worcester
023 342 4138023 348 4600Vernon Munnik
Eden & Karoo
P Bag X6510, George, 6530
086 512 7752044 803 8300Rozelle Smith
West Coast
Paarl
021 860 1231021 - 8601233Lorna McPherson

7. Imibuzo malunga nenkomfa ingabhekiswa kuMnu Andrew Isaacs kule dilesi ye-imeyili anisaacs@pgwc.gov.za okanye ithunyelwe ngefeksi apha 086 528 2896 okanye kule nombolo yefoni 021 467 2200/2585.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala beJografi bamaBakala 10 - 12.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:10

isiHlomelo A: IMIBA YEZIFUNDO NEEPROGRAM ZOPHUHLISO ZOOTITSHALA ABAQEQESHIWEYO  (ubukhulu: 71 KB)
isiHlomelo B: Ifom Yobhaliso  (ubukhulu: 48 KB)