1. I-Kirstenbosch National Botanical Garden iya kuba nomboniso nge-22 Meyi 2008 oqala ngo-09:00 - 16:00, ongomxholo othi: What is biodiversity and who is involved? (Sithetha ukuthini ngeentlobo-ntlobo zezityalo nezilwanyana kwaye ingubani ochaphazelekayo?)
2. Esi siganeko sijoliswe kumaBakala 10 - 12, kwakunye nakubafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo, kwaye sigxile kwiiprojekthi ezikhoyo ngoku eNtshona Koloni zolondolozo lweentlobo-ntlobo zezityalo nezilwanyana zendalo.
3. Kuya kuxoxwa ngezihloko ezibalulekileyo nezinomdla ezinxulumene nomsebenzi wolondolozo lwendalo, kwaye kuya kunikwa nengcaciso ngamakhondo omsebenzi anxulumene nolondolozo lweentlobo-ntlobo zezityalo nezilwanyana zendalo neenkalo zokufunda nzulu ngazo (fields of study) kumaziko emfundo ephakamileyo.
4. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba ukuya kwesi siganeko ngeeyure zesikolo makwenziwe ngemvume yomlawuli wesithili kwaye isikolo siya kuzihlawulela ngokwaso iindleko zoku.
5. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngesi siganeko, nangeminye imiba yeentlobo-ntlobo zezityalo nezilwanyana zendalo kuzwelonke, kucelwa uqhagamshelane noMnu Augustine Morkel kule dilesi ye-imeyili amorkel@sanbi.org okanye ngale nombolo yefoni 021 799 8899 okanye 083 324 7877, okanye uye kwiziko lewebhu le-SANBI apha www.sanbi.org
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeSayensi ngezoBomi nootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi be-FET (FET Life Sciences and Life Orientation).


ISAYINWE: NGU- CR SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:25