1. UMboniso weVeki yokuQatshelwa kweDatha yeNgcaciso ngeeSistim zeJografi (Geographical Information Systems (GIS)) ka-2008 ngumsebenzi owenziwa ngokubambisana koMbutho we- GIS waseMzantsi Afrika (Geographical Information Systems Society of South Africa (GISSA)) okwiPhondo leNtshona Koloni kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS ka-2008 uya kuqhutywa ukususela ngowe-06 kuye kowe-9 Meyi 2008, yaye uya kuqaqambisa uze ucacise usetyenziso lwethekhinoloji kwizifundo zeJografi uze wazise uluntu ngoqeqesho nophuculo lwamancedo neenkonzo kwiPhondo leNtshona Koloni.
3. Kulo nyaka wawo wesihlanu, lo Mboniso ka-2008 uthembisa ngokuba uza kuba mkhulu nangaphezulu yaye uza kuba nezinto ezininzi ezintsha kunangaphambili. Uya kuba neqela lemixholo enomdla namathuba okuthetha ngemingeni ekhoyo ngoku nezinto zakutshanje ezenzekileyo eklasini kwizifundo zeJografi.
4. Iinkcukacha ezizeleyo ngeprogram zinokufunyanwa kwiziko lewebhu leKharityhulam ye-WCED elileli (http://curriculum.pgwc.gov.za/) nakula maziko ewebhu eJografi (http://curriculum.pgwc.gov.za/site/39/page/view/) Izikolo ziza kuthunyelelwa iiphowusta ezinika iinkcukacha ngazo zonke izinto eziza kwenzeka kulo mboniso. Ukongeza abamajelo eendaba baza kumana bepapasha amanqakwana nezaziso eziphathelele kulo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS.
5. Lo Mboniso ka-2008, uya kuqhutywa ngaxeshanye kunye nenkomfa emfutshane exukusha izihloko ezimalunga nesilabhasi yeJografi yeFET NCS entsha.
6. Lo mboniso uya kuqhutyelwa kwikhampasi yeYunivesithi yaseWestern Cape eModderdam Road, eBellville, yaye uya kubandakanya iprogram yeesemina nezinye izinto eziza kwenziwa. Lo gama iiseshoni zaphakathi evekini ziya kuba nomdla ikakhulu kubafundi, ziyacelwa izikolo ukuba zikhuthaze ootitshala ukuba baze nabo ukwenzela ukuba babe nolwazi olubhetele lokuphucula iindlela zokufundisa baze benze igalelo ekungavunwa lukhulu kulo malunga nengcaciso ngezifundo namakhondo emisebenzi anokukhethwa ngabafundi.
6.1 Ababonisi (Exhibitors) baya kunika amathuba okuba kubonwe ingcaciso ngemiba yonke engokufunda nokufundiswa kwe-GIS, engoqeqesho nophuculo, babonise iikhosi zamvanje, okuqulathwe zezi khosi, isoftware yezemfundo, iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundiseni nasekufundeni neendlela zokufundisa.
6.2 Uthatho-nxaxheba kwiprogram ngootitshala, ngabaqeqeshi, ziingcali zophuhliso lwezakhono nangabaququzeleli kuya kuqinisekisa ukuboniswa kwabo iimeko eziqhubekayo ngoku kweli lizwe nakumazwe ngamazwe kumacandelo ngamacandelo nakumanqanaba onke okufunda. Kwakhona le program iya kuba liqonga lokwenza unxibelelwano, lokunika ithuba lokwakha intsebenziswano neleengxoxo ngezinto eziqhubekayo.
6.3 Iprogram yalo Mboniso we-GIS iya kugxininisa ekufundiseni nakuqeqesho namathuba oqeqesho. Ngako oko ke izikolo ezicinga ngokutshintsha izifundo ezizikhethileyo ziya kuzuza lukhulu ekuzeni kulo mboniso, njengoko ziya kuboniswa iintlobo zonke zezinto ezingakhetha ukuzifundisa. Kuya kufuneka izikolo zizenzele ngokwazo amalungiselelo ezothutho ukwenzela ukuba abafundi babenako ukuza.
7. Iprogram yangoLwesihlanu ilungiselelwe ngokukodwa ukuba kuzuze ootitshala beJografi bamaBakala 9 - 12 kunye nabo bavela emaphandleni. Iingcali ezivela kumacandelo ahlukeneyo ziya kufunda amaphepha angezihloko ze-GIS ukususela ku:14:00 de kube ngu-16:00 nge-9 Meyi 2008. Ukuba unqwenela ukuza, kucelwa uqhagamshelane nalo Devona Naude ngale nombolo yefoni 021 807 4657 okanye ngale dilesi ye-imeyili Devona.Naude@drakenstein.gov.za ungadlulanga owe-30 Apreli 2008, uze umnike amanani abo baza kuza ukwenzela ukuba kwenziwe amalungiselelo endawo yokuhlala neyokutya.
8. Ziyakhuthazwa zonke izikolo zeSebe le-WCED ukuba zixhase lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS ka-2008.


ISAYINWE: NGU-CR SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:23