Ngokubhekiselele kwiSETYHULA S1 KA-2008, ekhutshwe liSebe leMfundo likazwelonke, kucelwa uqaphele ezi zinto zilandelayo:

1. Abafundi beBakala 12 abenza isifundiso soBugcisa beZinto eziVeliswa ngaMagcisa (Visual Arts) kufuneka bakhethe imixholo emithandathu kwelishumi edweliswe kuxwebhu olusisiKhokelo seProgram yoKufunda yoBugcisa beZinto eziVeliswa ngaMagcisa lukaJanuwari 2008 (Learning Programme Guideline document for Visual Arts of January 2008).
2. Igqiza lezoviwo (examination panel) likhethe amagcisa (artists) ahlukeneyo amathandathu ewonke kwicandelo ngalinye kwaye kufuneka abafundi bafunde ngegcisa elinye kulawo akuluhlu. Nakuba kunjalo, kufumaniseke ukuba imisebenzi yelinye igcisa ekweli candelo, “Multi Media”, neyamagcisa amabini ekweli candelo, “Gender Issues” kwi-South African Art, ayifanelekanga ukuba isetyenziselwe iinjongo zesikolo. La magcisa ngala alandelayo:
  • UMnu Steven Cohen kwi-“Multi Media” nakwi-“Gender Issues” kwi-South African Art
  • UMnu Peet Pienaar kwicandelo le-“Gender Issues” kwi-South African Art
Imisebenzi yala magcisa akhankanywe apha ngasentla mayikhutshwe ukususela ngoku kuxwebhu olusisiKhokelo seProgram yoKufunda yoBugcisa beZinto eziVeliswa ngaMagcisa luka-2008.
3. Uxwebhu olusisiKhokelo seProgram yoKufunda yoBugcisa beZinto eziVeliswa ngaMagcisa luka-2008, malufakelwe izilungiso ngolu hlobo lulandelayo:

Iphepha 57:

Kwikholam yokuqala, phantsi kwesi sihlokwana Multi Media, ezinye iintlobo zobugcisa bale mihla ezinokukhethwa nezithandwayo (alternative contemporary and popular art forms) eMzantsi Afrika, makususwe igcisa uSteven Cohen, kwikholam yesibini.

Iphepha 58:

Kwikholam yokuqala, phantsi kwesi sihlokwana Gender Issues in South African Art, makususwe la magcisa uSteven Cohen noPeet Pienaar, kwikholam yesibini.

4. Ootitshala mabaxelelwe ukuba kufuneka benze ngenyameko enkulu yaye babe nolwazelelelelo (be cautious and sensitive) ngabafundi neentsapho zabo xa bekhetha izinto zokufunda zobugcisa bezinto eziveliswa ngamagcisa eziba kwi-Intanethi okanye kuyo nayiphi na enye imidiya.
5. Olu tshinstho lulapha ngasentla luya kwenziwa nakumaxwebhu achaphazelekayo afumaneka kwiphothali yeThutong nakumaziko ewebhu eSebe leMfundo.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abantu abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU- P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:18