1. Okulapha ngasezantsi yinkqubo emayilandelwe ngethuba lokuqhutywa kweemviwo zeprakthikhali zokugqibela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NCS)) kwezi zifundo zilandelayo:

(a) Visual Arts
(b) Design
(c) Music


2. I-VISUAL ARTS AND DESIGN
2.1 Amaphepha emibuzo oviwo lweprakthikhali lokugqibela luka-2008 e-Visual Arts and Design, Visual Arts Paper 2 (Practical) and Design Paper 2 (Practical) aya kuba nala macandelo alandelayo:
Section A: Source Book / Workbook
Section B: The Artwork.
2.2 Iphepha lemibuzo yoviwo lweprakthikhali lokugqibela le-Visual Arts sele lihanjisiwe lasiwa kuzo zonke izikolo ezifundisa esi sifundo. Iphepha lemibuzo yoviwo lweprakthikhali lokugqibela le-Design lithunyelwa kunye nale ngcaciso imfutshane. Injongo yokuhanjiswa kwangoko kweli phepha kukwazisa abaviwa ngophando (research) ekufuneka belwenzile ukwenzela ukuba babe nokuphendula iCandelo A lephepha lemibuzo yoviwo. Kufuneka abaviwa basayine irejista bakufumana eli phepha lemibuzo yoviwo.
2.3 Kwikota yesi-3 abaviwa mabagqibe uphando (research) olwaneleyo baze baqokelele, badibanise zonke izinto ezifanelekileyo (appropriate material) zokulungiselela iCandelo A lephepha lemibuzo yoviwo. ICandelo A maliqhutywe ngethuba lokufundisa okanye emva kweeyure zesikolo. ICandelo A loviwo maligqitywe ngaphambi kokuqala iCandelo B loviwo lweprakhtikhali.
2.4 ICandelo B loviwo maligqitywe ukuqalela nge-17 Septemba ukuya kwi-17 Oktobha 2008 kwindawo yokubhalela uviwo ngethuba lokufundisa eliqhelekileyo. Kucetyiswa ukuba kulungiselelwe iiseshoni ezithatha ithuba elide eliziiyure ezi-4 - 6 kwenziwe oku iintsuku eziliqela bade bonke abaviwa bawugqibe umsebenzi wabo wobugcisa (artwork) umz. i-ceramic sculpture.
2.5 Mabagadwe ngokungqongqo abaviwa ngutitshala we-Visual Arts kunye/okanye we-Design ngexesha lokuqhutywa koviwo.
2.6 Umcwangcisi wekharityhulam omkhulu nomcebisi ngezekharityhulam uya kuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi weprakhtikhali umakishwa uze umodareyithwe kwangethuba. Kuseza kwenziwa isigqibo kungekudala ngemihla yokumodareyitha neziya kuthi zaziswe ngaso zonke izikolo ezifundisa i-Visual Arts and Design.

3. UMCULO (MUSIC)
3.1 Makulandelwe le nkqubo ilandelayo kweli phepha Music Paper 2 (Music Comprehension).
3.2 ISebe iWCED liya kunika isikolo ngasinye okanye iziko lokubhalela uviwo ngalinye i-compact disk (CD) kwangaphambili.
3.3 Izikolo azinako ukwenza iikopi zale CD kwaye yi-CD eyintsusa (original) kuphela emayisetyenziswe.
3.4 Kwiintsuku ezimbini phambi koviwo, utitshala woMculo makayivavanye i-CD nezixhobo zesandi eziza kusetyenziswa. Makuvavanywe zonke iitreki (tracks).
3.5 Ukuba i-CD inempazamo, makwaziswe uMnu Clive Berrry,weCandelo leeMviwo, ngoko nangoko kule nombolo yefoni 021 467 2265.
3.6 Ngosuku loviwo, utitshala woMculo makayitshekishe i-CD kwiyure engaphambi kokuqalisa uviwo.
3.7 Utitshala woMculo makatshekishe kwiphepha lemibuzo ukuba zingaphi iitreki emazidlawe kunye nobude betreki nganye.
3.8 Itreki nganye mayidlalelwe abaviwa kube kanye qwaba. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko iphindwe idlalwe itreki ngenxa yesicelo sabaviwa.
3.9 Uviwo malugqitywe ngeyure nesiqingatha (1½).
3.10 Bonke abaviwa mabaphume kwigumbi lokubhalela uviwo kwakuphela ixesha elimiselweyo. Akukho mfundi makavunyelwe ukuba aphume phambi kokuba kuphele ixesha elimiselweyo.

4. Unamathelo kule migaqo ikhankanywe ngasentla lubalulekile kakhulu ukuqinisekisa ukuba ezi mviwo zezamkelekileyo.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala beBakala 12 abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Siyanibulela ngenxhaso nentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:10