1. |
Le thayimthebile iqhotyoshelweyo yoviwo luka-Oktobha 2008 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 ifike ivela kwiSebe leMfundo likazwelonke. Uviwo luya kuqala nge-27 Oktobha 2008 luze luphele nge-17 Novemba 2008. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko ezi mviwo iyinkqubo eyenzeka kwizwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kule thayimthebile yamaxesha okubhala.
|
2. |
Njengangaphambili, ngamagosa akwizithili nakwaNdlunkulu nabameli baka-Umalusi abaya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa koviwo.
|
3. |
Apho iimviwo ziqhutywa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
|
4. |
Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshwe ncam yaye bayakwazi ukukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa kweemviwo.
|
5. |
Ikwangumsebenzi wabaphathi bamaziko emfundo ukusingatha imibandela yezolawulo. Ngako oko ke, bonke abaphathi bamaziko mababe kumaziko oviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yoviwo nganye.
|
6. |
Akukho mntu makavunyelwe angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo ngaphandle kokuba aqale aveze ileta yokuvunyelwa ukubhala uviwo.
|
7. |
Bayacelwa kwakhona abaphathi bamaziko ukuba:
|
7.1 |
banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza amalungiselelo abo okugqibela eemviwo;
|
7.2 |
bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ukubhala uviwo, phambi kokuba kuqale iseshoni yoviwo nganye; nokuba
|
7.3 |
banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni.
|
ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:24
|