1. Ziyacelwa izikolo nezithili ukuba zenze awazo amalungiselelo angaphakathi okuseta, okumodareyitha nokuqhuba iimviwo zokuzilungiselela (preparatory examinations) zeBakala 12 zika-2008.
2. Xa kusetwa amaphepha emibuzo yeemviwo zokuzilungiselela makufundwe amaphepha emibuzo angumzekelo (exemplar question papers) eBakala 12, kwakunye neenkcazo zekharityhulam ezifanelekileyo, nezikhokelo zovavanyo zezifundo nezikhokelo zoviwo.
3. Umgangatho nemo yamaphepha eemviwo zokuzilungiselela mawube nokuthelekiseka nowamaphepha emibuzo angumzekelo (exemplar question papers).
4. NgoSeptemba nango-Oktobha 2008, izikolo ziya kunikwa amaphepha emibuzo neememoranda zokumakisha kwizifundo ezikhethiweyo, ekufuneka ezo zinto zisetyenziswe zizikolo xa kurivayizwa ukulungiselela abaviwa iimviwo zokugqibela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. ICandelo loLawulo loVavanyo liya kubonelela ngala maphepha emibuzo neememoranda kweli ziko lalo lewebhu http://curriculum.pgwc.gov.za/site/22/page/view/ emva kokubhalwa kweemviwo zokuzilungiselela.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi beBakala 12.


ISAYINWE: NGU-TT SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:08