1. ISebe leMfundo kuzwelonke kutshanje linike iSebe iWCED isikhokelo sovavanyo se-Physical Sciences. Esi sikhokelo siya kusetyenziswa kuphela kwiimviwo zika-Oktobha-Novemba zeBakala 12.
2. Uxwebhu lwesikhokelo lubonelela ngale ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo emayaziswe bonke ootitshala nabafundi bePhysical Sciences beBakala 12:
2.1 Ifomathi yamaphepha oviwo namanqaku kanye aya kunikwa
2.2 Imilinganiselo eya kunikwa iziphumo zokufunda
2.3 Ukucaciswa kwemigangatho yovavanyo
2.4 Inkcazo ngemibuzo ecingisa nzulu kunye neminye kumaphepha eemviwo
2.5 Uxwebhu lwedatha lwamaPhepha 1 no-2
2.6 Ulwazi lwangaphambili kumaBakala 10 no-11
2.7 Ingxam yekhontenti eya kuvavanywa kwiimviwo zokugqibela ngo-2008
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-Z. MODIMAKWANE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:28

Examination Guidelines for Physical Sciences  (ubukhulu: 385 KB)