1. Le thayimthebile iqhotyoshelweyo yoviwo lukaJuni 2008 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 ifike ivela kwiSebe leMfundo likazwelonke. Uviwo luya kuqala ngowesi-3 Juni 2008 luze luphele nge-24 Juni 2008. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kwizwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kule thayimthebile yamaxesha okubhala.
2. Njengangaphambili, ngamagosa akwizithili nakwaNdlunkulu nabameli baka-UMALUSI abaya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa koviwo.
3. Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
4. Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshiwe ncam yaye bayakwazi ukukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.
5. Ngumsebenzi wabaphathi bamaziko emfundo ukusingatha imibandela yezolawulo. Ngako oko ke, bonke abaphathi bamaziko mababe kumaziko oviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
6. Akukho mntu makavunyelwe angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo ngaphandle kokuba aqale aveze isazisi (ID) okanye ileta yokuvunyelwa ukubhala uviwo.
7. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba:
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zoviwo.
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ukubhala uviwo, phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
7.3 banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimvavanyo zabo egameni leli Sebe leMfundo.


ISAYINWE: NGU-Z. MODIMAKWANE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:19

Exam timetable  (ubukhulu: 23 KB)