1. ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke siya kubhalwa okukuqala kwiBakala 12 ngoNovemba 2008 kwaye iSebe iWCED libulela izikolo ngokuthatha kwazo inxaxheba kwiimviwo zeBakala 11 ngo-2007. Siyathemba ukuba amava eniwafumeneyo abe nexabiso nolutho ekulungiseleleni i-NCS ngo-2008.
2. Amaphepha ayimizekelo yemibuzo yeBakala 12
2.1 ISebe leMfundo kuzwelonke libonelele ngale mizekelo yamaphepha emibuzo yeemviwo neememoranda zeBakala 12 ahamba nale ngcaciso imfutshane ukunceda izikolo kunye nabafundi xa belungiselela iimviwo zokuphela konyaka. ISebe iWCED alikayifumani yonke imizekelo kodwa liza kuyithumela eseleyo yezinye izifundo yakuba ifikile.
2.2 ISebe iWCED liya kukhupha ikopi enye eprintiweyo ngephepha lemibuzo ngalinye nememorandam ngamaphepha ezifundo ngezifundo zeNCS esikolo ngasinye esifundisa iNCS.
2.3 Izikolo ezifundisa i-CAT ne-IT ziya kufumana nazo i-CD ezineefayili zezi zifundo zeprakhthikhali.
2.4 Kuphela zizikolo ezifundisa i-Visual Arts eziya kufumana ikopi yeli phepha lemibuzo elinombala.
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zixoxe ngala maphepha kwiikomiti zezifundo ukuze zifumane ulwazi ngeentlobo zemibuzo, izakhono zoviwo eziyimfuneko, ifomathi yamaphepha njalo-njalo.
4. Imizekelo mayingasetyenziswa njengesixhobo esimiselweyo sovavanyo ngexesha laphakathi enyakeni kodwa ootitshala kufuneka basebenzise ulwazi abalufumene kwiingxoxo ngezifundo ukulungiselela abafundi iimviwo zokugqibela.
5. La maphepha emibuzo ayimizekelo ayafumaneka kwiziko lewebhu leDoE kwaye aya kufumaneka kwakhona kwi-CD efumaneka kwa-Edumedia (inombolo yefoni: 021 689 9536).
6. Ziyacelwa izikolo ukuba zikhomente malunga nala maphepha emibuzo angumzekelo ngokuthumela iikhomenti zazo ngezifundo kulo Director: Assessment Management, WCED, Private Bag X9114, Cape Town, 8000. Izikolo zinokuthumela iikhomenti nge-imeyili kule dilesi jparbhoo@pgwc.gov.za. Ingasetyenziswa le fom yokukhomenta iqhotyoshelweyo kwaye iikhomenti mazifike kwiSebe iWCED ungagqithanga owe-7 Matshi 2008.
7. ISebe iWCED linqwenelela iinqununu nabafundi okuhle ngexesha lonyaka wokuqaliswa kweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kwinqanaba leBakala 12.


ISAYINWE: NGU-Z. MODIMAKWANE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:01

Amaphepha emibuzo kazwelonke angumzekelo ebakala 12 Ifom yovavanyo  (ubukhulu: 8 KB)