1. Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yengongoma 3 ekule Ngcaciso eMfutshane yeCandelo lezoLawulo lweeMvavanyo 0009/2008.
2. Makulandelwe le nkqubo ilandelayo kwi-Music Paper 2 (Music Comprehension).

2.1 ISebe iWCED liya kubonelela isikolo ngasinye okanye iziko lokubhalela nge-compact disk (CD) kwangaphambili (in advance).
2.2 Le CD iya kufakwa yodwa ingadityaniswa namaphepha emibuzo eemviwo eMusic Paper 2.
2.3 Umgadi wabaviwa oyintloko makavume (must acknowledge) ukuba uyifumene iCD kwaye makayigcine iCD kwindawo ekhuselekileyo.
2.4 Mazingaze izikolo zenze iikopi zale-CD kwaye yi-CD eyintsusa (original) kuphela emayisetyenziswe.
2.5 Kwiveki engaphambi kweyokubhala iimviwo, utitshala woMculo makayivavanye iCD nezixhobo zesandi eziya kusetyenziswa ngethuba leemviwo, kukho umgadi wabaviwa oyintloko. Zonke iitrekhi mazivavanywe.
2.6 Utitshala woMculo nomgadi wabaviwa oyintloko mabasayinele ukuba beyivulile baze bayitshekisha iCD.
2.7 Ukuba iCD inemposiso, makwaziswe uMnu Clive Berry, weCandelo leeMviwo ngokukhawuleza kule nombolo yefoni 021 467 2265.
2.8 Ngosuku loviwo, utitshala woMculo makayitshekishe iCD kwiyure engaphambi kokuqalisa koviwo.
2.9 Itrekhi yomculo nganye mayidlalwe amatyeli aliqela acaciswe kwiphepha lemibuzo yeemviwo. Makunikwe ixesha elaneleyo phakathi kweetrekhi ukwenzela ukuba abaviwa babhale iimpendulo zabo phambi kokuba kudlalwe itrekhi elandelayo.
2.10 Makungaphindwa, naphantsi kwazo naziphi na iimeko, ukudlalwa kwetrekhi ngenxa yesicelo sabaviwa.
2.11 Mayibe neebhetri i-CD player ukuqinisekisa ukuba iitrekhi zomculo zinokudlalwa xa kunokuthi kumke umbane.
2.12 Makusetyenziswe igumbi elifanelekileyo nezixhobo zesandi ezifanelekileyo ukuqinisekisa ukuba ukuvakala kwesandi (acoustics) kusemgangathweni.
2.13 Uviwo malugqitye ngeeyure eziyi-1½.
2.14 Bonke abaviwa mabaphume kwigumbi lokubhalela uviwo emva kokuphela kwexesha elicwangcisiweyo. Akukho mviwa unokuvunyelwa ukuba emke phambi kokuba kuphele ixesha elicwangcisiweyo.
2.15 Uviwo maluqhutywe kukho nomgadi wabaviwa oyintloko.

3. Siyanibulela ngenkxaso nangentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:20