1. ISebe leMfundo kuzwelonke lazise iSebe iWCED ngale miyalelo ilandelayo ingxamisekileyo emalunga nokuqhutywa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) kwizifundo ezithile:

2. ULwimi Lwesibini oLongezelelweyo IPhepha 1 (Second Additional Language Paper 1 - official languages)
2.1 Ixesha lazo zonke iimviwo kuLwimi Lwesibini oLongezelelweyo iPhepha 1 litshintshiwe ekubeni beliziiyure ezi-2 laba ziiyure eziyi-2½. Oku kwenzelwe ukulungiselelwa ubude bephepha obandisiweyo bePhepha 1 elibandakanya noncwadi (literature) ngoku.
2.2 Bonke abagadi babaviwa abaziintloko mabaziswe ngolu tshintsho kuba iphepha lemibuzo yoviwo kunye nethayimthebhile yoviwo ziya kubonisa, zombini, iiyure ezi-2. Nakuba kunjalo, abaviwa mabavunyelwe ukuba babhale iiyure eziyi-2½.
2.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba olu tshintsho lwenziwa kanye ngolo suku loviwo.

3. I-Agricultural Management Practices
3.1 I-Agricultural Management Practices iya kubhalwa ngoLwesibini, we-2 Disemba 2008 ngo-9:00.
3.2 Eli phepha lemibuzo liqulethe konke okunge-production enterprises okufundwe ngabo bonke abaviwa kwizwelonke. Ngoko ke kubalukile ukuba utitshala wesifundo abekho ukuze anike inkxaso umgadi wabaviwa oyintloko phambi kokubhalwa kweli phepha.
3.3 Utitshala wesifundo makavunyelwe ukuba abakhokele abaviwa, esebenzisa iphepha lesalathiso (index page) ekukhetheni i-production enterprises ezifundiswa sisikolo.
3.4 Lwakuba lwenziwe olu khetho, utitshala wesifundo makaphume alishiye igumbi lokubhalela uviwo.
3.5 Iinqununu maziqinisekise ukuba lo myalelo ulandelwa ngqo kwesi sifundo.

4. IiLwimi ezingezizo ezaseburhulumenteni
4.1 Uviwo lomlomo kwi-Spanish ne-Italian kufuneka luqhutywe ngokukhawuleza emva kokugqitywa koviwo lwePhepha 2 esele licwangciselwe ukubhalwa ngoLwesine we-30 Oktobha ngo-14:00. Iimviwo zomlomo ze-Spanish ne-Italian kufuneka ke ngoko ziqale ngo-16:30.
4.2 I-IEB iya kukhetha abaviwa abaneephotifoliyo eziya kumodareyithwa ukulungiselela iilwimi ezingezizo ezaseburhulumenteni kwaye iya kwazisa iSebe iWCED ngexesha elifanelekileyo. Izikolo ezinabaviwa ababhala iilwimi ezingezizo ezaseburhulumenteni mazizigcine zonke iiphotifoliyo zaba baviwa. ISebe iWCED liya kuqhagamshelana nezikolo ngokukhawuleza xa amagama abaviwa abaza kumodareyithwa sele ebhengeziwe yi-IEB.

5. Liyabulela iSebe iWCED ngentsebenziswano yenu nangenkxaso yenu ekuqinisekiseni ukuqhutywa nolawulo oluyimpumelelo lweemviwo ze-NSC.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:29