1. IComputer Applications Technology inePhepha lokuQala (Practical), iPhepha lesiBini (Theory) kwakunye nePhepha elingesosinyanzelo olusi Speed Endorsement Test. Lonto ithetha okokuba iSpeed Endorsement Test aluyiyo inxalenye yephepha iComputer Applications Technology Paper 1 (njengoko bekusaya kuba njalo ngaphambili kwi-Computyping SG. Eliphepha lifundiswa njengovavanyo olungesosinyanzelo oluyi-timed accuracy test.
2. Kuphela kuxa inani lamagama atayitshwe (typed) ngumviwa angama 20 ngomzuzu okanye ngaphezulu, ekuya kuthi oko kubonakaliswe kwiziphumo zomviwa.
3. I-Speed Endorsement Test iya kuqhutywa ngoMvulo we-3 Novemba 2008, emva kweseshoni yakusasa (Iseshoni 7), into ethetha ukuba ikwangolo suku lunye lwe-Computer Applications Technology Paper 2 (ingelulo olwe-Computer Applications Technology Paper 1).
4. Ukulungiselela izikolo ezinokufuna ngaphezu kweseshoni enye ukubhala olu vavanyo, iSpeed Endorsement Test, iya kuqhutywa ukususela ngo-11:25, ukuze iseshoni yesibini iqale ngo-12:30 apho kuyimfuneko.
4.1 Abaviwa beSpeed Endorsement Test mabavunyelwe bangene kwigumbi lokubhalela iimviwo ubuncinane kwimizuzu eyi-30 phambi kweemviwo ukuze baziqhelanise neekhompyutha zabo kwanokuba iikhompyutha zilungele uviwo.
4.2 Izikolo maziqinisekise ukuba utitshala weComputer Applications Technology kunye/okanye owe-Information Technology ukhona ukuze alilawule ixesha leseshoni ngokwe-keyboarding rules.
4.3 Bonke abaviwa mabaphume kwigumbi lokubhalela uviwo emva kokuphela kwexesha elicwangcisiweyo. Akukho mviwa unokuvunyelwa ukuba emke phambi kokuba kuphele ixesha elicwangcisiweyo.
4.4 Kwangoko emva kokuba kugqitywe iSpeed Endorsement Test, iimpendulo maziprintwe kwaye umgadi wabaviwa makasayine emva kokuba kuprintwe igama lokugqibela kwiphepha (page) ngalinye.
4.5 Kubaluleke gqitha ukulandela ngqo ezi nkqubo zichazwe ngentla apha ukuze kuqinisekiswe ukuthembeka nokwamkeleka (credibility) kwezi mviwo.
5. Apha ngezantsi sisicwangciso samaxesha anikiweyo amawalandelwe ngethuba lokuqhutywa kweSpeed Endorsement Test:

IXESHAOKUQHUBEKAYO
11:25Abaviwa bangena kwigumbi lokubhalela uviwo
11:30-11:35Ukukhutshwa kwee-user IDs, ii-passwords namaphepha emibuzo oviwo
11:35-11:50Ixesha lokuziqhelanisa i-practise time
11:50-12:00Ukubhalwa kwe-Speed Endorsement Test
12:00-12:25Ukufumana (retrieval) ii-printouts, ukusayinwa kweencwadi zeempendulo zoviwo (examination answer scripts) nokugqitywa kweeshedyuli zamanqaku.

Amaxesha eseshoni yesibini kwezo zikolo zifuna iiseshoni ezimbini:

IXESHAOKUQHUBEKAYO
12:30Abaviwa bangena kwigumbi lokubhalela uviwo
12:30-12:35Ukukhutshwa kwee-user IDs, ii-passwords namaphepha emibuzo oviwo
12:35-12:50Ixesha lokuziqhelanisa i-practise time
12:50-13:00Ukubhalwa kwe-Speed Endorsement Test
13:00-13:25Ukufumana (retrieval) ii-printouts, ukusayinwa kweencwadi zeempendulo zoviwo (examination answer scripts) nokugqitywa kweeshedyuli zamanqaku.

6. Iimakhishithi ezahlukeneyo ziya kusetyenziselwa ukufaka amanqaku eemviwo anxulumene neSpeed Endorsement Test and Computer Applications Technology Paper 2 ngokulandelelanayo.
7. Uvavanyo iSpeed Endorsement Test malugqitywe engabethanga u-13: 25 ukwenzela ukuba abaviwa bagzithele kwigumbi lokubhalela uviwo lwe-Computer Applications Technology Paper 2.
8. Okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane makwaziswe abaviwa beBakala 12 be-Computer Applications Technology, ootitshala babo, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa ukuze bakuthathele ingqalelo.
9. Siyabulela ngenkxaso nangentsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU- T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:16