1. Ukusiwa kweCandelo B leeCTA
1.1 ICandelo B leeCTA liya kusiwa ukususela kwi-7 Novemba 2008.
1.2 ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kusa iCandelo B ngemithwalo emibini:

Umthwalo 1
IiNkalo zeZifundo ezicwangciselwe owe-17 ukuya kwi-21 Novemba 2008
Umthwalo 2
IiNkalo zeZifundo ezicwangciselwe owe-24 ukuya kwi-28 Novemba 2008
IiLwimi zaseKhaya
ULwimi lokuQala oLongezelelweyo
ULwazi ngezoBomi
I-Mathematika
I-Economic and Management Sciences
I-Natural sciences
I-Social Sciences
I-Arts and Culture
I-Technology
ULwimi lweSibini oLongezelelweyo

1.3 Ngethuba kusisiwa iiCTA zeCandelo A, iSebe iWCED libeneengxaki ezinkulu kakhulu ngokumalunga namanani obhaliso lwabafundi nobhaliso oluneemposiso lwamanqanaba eelwimi ahlukileyo afundwa ngabafundi. Ngako oko ke maziphinde iinqununu zitshekishe zonke iinkcukacha zobhaliso lwabafundi nobhaliso lweelwimi zize ke zizihlaziye.
1.4 Ukusiwa kweeCTA zeCandelo B kuya kwenziwa kususelwa kwinani labafundi elabhaliswa seso sikolo kwiCEMIS. Apho achanekileyo amanani abafundi abhaliswe kwiCEMIS, kodwa iSebe iWCED lizise inani leekopi ezingachanekanga, nakuphi na ukushota makuxelwe kuMnu L Booysen Iinkcukacha zakhe zoqhagamshelwano zezi zilandelayo:

idilesi ye-imeyili: lbooysen@pgwc.gov.za

Phone number: 021 467 2953


2. Iimemoranda
2.1 Iimemoranda kuzo zonke iiNkalo zeZifundo ziya kukhutshwa zikwiCD ene-password ekhuselweyo (password protected CD). Imemoranda yeNkalo yeSifundo nganye iya kuba ne-password eyeyayo (individual password).
2.2 Umboneleli-nkonzo uya kusa iiCD ezineememoranda ezikolweni. IiCD ziya kufakwa kwisingxobo esitywiniweyo (sealed container) emvulophini kwenye yeebhokisi. Ibhokisi eneCD iya kuphawulwa ngokucacileyo.
2.3 I-password yeNkalo yeSifundo nganye iya kwenziwa ifumaneka emva kokuba lugqityiwe uviwo ngalunye. Ii-password zeeNkalo zeZifundo ziya kufumaneka kwakhona nakweli ziko lewebhu leCandelo leeMvavanyo: http://curriculum.pgwc.gov.za/site/21/page/view/.
2.4 Ukongeza apho, amagosa ezithili aya kuthumela nge-imeyili ii-password ezichaphazelekayo kuwo onke amagosa achaphazelekayo athatha inxaxheba kule nkqubo.
2.5 Izikolo ezinengxaki ngonxibelelwano lwe-imeyili okanye lwe-intanethi zingafonela abaququzeleli bovavanyo bezithili zemfundo nabacebisi ngeze-IMG ukuze zifumane ii-password.

3. Iprogram yeZiphumo zeBakala 9
3.1 Ngenxa yokuba amanqaku xa ewonke eeCTA etshintshile, mayihlaziywe iprogram yokufakwa kweziphumo zeBakala 9 izikolo ezayikopa ekhompyutheni (downloaded) kwiCEMIS. Kuyo yonke iminyaka yangaphambili, amanqaku apheleleyo eCandelo A leCTA ebeyi-120 ukuze aweCandelo B abe yi-80. Iprogram ka-2008 yaveliswa ngaphambi kokufika kweekopi zeeCTA zokugqibela. Kuthe kwakufika iiCTA kwabonakala ukuba amanqaku ewonke makatshintshwe ngolu hlobo lulandelayo:

ICandelo A: 150
ICandelo B: 100


3.2 Iinqununu maziqinisekise ukuba zinayo ikopi entsha (evela ku-CEMIS) nokhutshelo lweziphumo zeBanga 9 lwenziwe emva komhla we-10 Novemba 2008. Imiyalelo malunga nokhutshelo lweziphumo kwikopi entsha engundoqo kufuneka lwenziwe ngocoselelo nobunono (funda isiHlomelo A.) Ukuba abaququzeleli beBakala 9 bafumana naziphi na iingxaki malunga noku, mabaqhagamshelane nomququzeleli wovavanyo wesithili semfundo ukuze bafumane inkxaso nengcebiso.
3.3 Ootitshala abafundisa IsiXhosa uLwimi lweSibini oLongezeleweyo (Isixhosa Second Additional Language) mabaphinde balungise amanqaku xa ewonke eeCTA zabafundi babo abe yi-150 ne-100 kwiCandelo A no-B ngokulandelanayo.

4. Ukulawulwa kweeCTA
Abaphathi bayakhunjuzwa ukuba iiCTA mazilawulwe ngokungqinelana ne-CTA Regulatory Framework njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 0036 ka-2008.

5. Utshintsho apha naphaya ngenxa yabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo
5.1 ISebe leMfundo kuzwelonke liya kusa iiCTAs zeBreyili (Braille) kunye nezikwifonti eyenziwe yankulu kwizikolo ezikhethiweyo zeSebe iWCED.
5.2 Iinqununu mazikulawule ukutshintshwa apha naphaya okwenzelwa abafundi abanezinye izithintelo ngokwemiyalelo enikwe kweli ziko lewebhu labanezithintelo ekufundeni leWCED (WCED Barriers to learning web site):  http://curriculum.pgwc.gov.za/go/barriers/.
5.3 Akukho zinguqu zinokwenziwa kwiimemoranda zayo nayiphi na iNkalo yeSifundo. Ubungqina bokutshintshwa apha naphaya okwenziwa kwimemorandam yeNkalo yeSifundo ethile ukuze ikhawulelane nabafundi abanezithintelo ekufundeni, mabuphawulwe nge-inki ebomvu ize ingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Ms K Kitshoff
DCES Inclusive Education
Western Cape Education Department
Room 806
Grand Central Building
Cape Town, 8000


5.4 Le mizekelo iya kufakwa efayilini njengenxalenye yenkqubo yokwakha iziko ledatha (data bank) lemizekelo yokufundisa ngendlela eyiyo (good practice) lezikolo zeSebe iWCED.

6. Izibonelelo

Iimephu ze-Social Sciences

Iimephu zeSocial Sciences ziya kusetyenziswa kuwo omabini amacandelo eeCTA. Ngako oko ke ziyacelwa izikolo ukuba ziqinisekise ukuba iimephu zibuyiswa zikwimeko entle emva kokugqitywa kweCandelo A nokuba zigcinwa kwindawo ekhuselekileyo. Mazikhutshwe kwakhona ngowe-25 Novemba ukwenzela ukuqhutywa kweCandelo B le-Social Sciences.


7. Ukubekwa esweni kweeCTA

Amagosa eSebe iWCED aya kukubeka esweni ukuqhutywa, ulawulo nokuphathwa kweeCTA. Okuqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane yecandelo leemvavanyo njengesiHlomelo B, ngumzekelo wesixhobo sokubeka esweni (monitoring instrument). Esi sixhobo senzelwe wena ukuze usisebenzise njengoluhlu lokutshekisha iinkqubo zokubeka esweni zakho zokwenziwa komsebenzi apho esikolweni (internal monitoring processes).


8. Iisetyhula namaxwebhu anxulumene neenkqubo zeBakala 9

Bayacelwa abaphathi bezithili zemfundo neenqununu ukuba baqinisekise ukuba ezi setyhula zilandelayo zisiwe ezikolweni kwaza kwaxoxwa ngazo ngabo bonke ootitshala:
ISetyhula 0049 - Iishedyuli zika-2007
ISetyhula 0020 - Ithayimthebhile yeCTA ICandelo B-2008
ISetyhula 0024 - Ukufakwa kweziphumo zeBakala 9 kwikhompyutha-2008
ISetyhula 0036 - 2008 CTA Regulatory Framework


9. Ingcaciso ngokuqhubekayo (feedback)
9.1 ISebe iWCED lizimisele ukuphucula inkqubo yeeCTA ngokunika ingcaciso qho ngokuqhubekayo (feedback) kwiSebe leMfundo kuzwelonke (DoE). Sibulela wonke utitshala nomphathi othe wasinika ingcaciso epheleleyo ngokwaqhubekayo kwiiCTA ngo-2007 waza ngokwenjenjalo wabangela ukuba iSebe iWCED lingenise ingxelo enesihlahla (consolidated report) engomgangatho weeCTA nenkqubo yazo kwiSebe leMfundo kuzwelonke ngo-2007.
9.2 Sicela ukuba izikolo kwakhona zithathe ixesha zibhale zonke iinkcukacha kuxwebhu lokunika ingcaciso (feedback sheet) kwiNkalo yeSifundo nganye kwiiCTA zika-2008. Olu xwebhu lwengcaciso ngokuqhubekayo lufakwe kule Ngcaciso iMfutshane njengesiHlomelo C. Amaxwebhu azalisiweyo angathunyelwa ngefeksi kuHeléne van Zyl kule nombolo yefeksi: 021 467 2620 okanye athunyelwe kuye nge-imeyili kule dilesi hevanzyl@pgwc.gov.za

10. Siyanibulela ngentsebenziswano yenu kwaye sininqwenelela okuhle kodwa kule kota yesine ka-2008.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:05

isiHlomelo A: "Instructions to download..."  (ubukhulu: 39 KB)
isiHlomelo B: "CTA Monitoring Instrument..."  (ubukhulu: 44 KB)
isiHlomelo C: "CTA Comments 2008"  (ubukhulu: 44 KB)