1. Le miyalelo ilandelayo yeyokusetyenziswa xa kubhalwa i-Accounting yoviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke:
1.1 Iincwadana zeempendulo (Answer booklets)

Iincwadi zokubhalela iimviwo eziqhelekileyo zeSebe mazinganikwa abaviwa. Yonke imibuzo naleyo kubalwayo kuyo mayibhalwe kwincwadi yeempendulo elungiselelwe ngqo oku. Yonke imibuzo ekubalwayo kuyo (calculations) yamanqaku ayinxenye "part marks" mayenziwe kwisithuba esibonelelweyo.

1.2 Ukusetyenziswa kwepensile netipheksi (correction fluid)

Ukusetyenziswa kwepensile ebhala ngqindilili (dark pencil) kuvumelekile. Abafundi ke ngoko bangabhala iimpendulo zabo nge-pensile engqindilili, i-inki eblowu okanye emnyama. Ukusetyenziswa kwetipheksi (correction fluid) akuvumelekanga. Xa kusetyenziswa i-inki eblowu okanye emnyama makulandelwe ezi nkqubo zilandelayo xa abaviwa befuna ukulungisa izinto abazibhalileyo ezingachanekanga.

  • Cima loo nto uyibhalileyo (item) ingachanekanga usebenzise ipeni nerula.
  • Bhala impendulo echanekileyo ngentla okanye ecaleni kwento leyo ubuyibhalile kuqala.
  • Ukuba kufuneka kulungiswe amanani, lungisa lonke inani ulitshitshe kungabi yiloo ndawana ithile. Jonga kulo mzekelo ungezantsi.
Ukuba ufuna ukulungisa u-360 abe ngu-361 361
Lungisa ngolu hlobo: 360
1
Ungenzi ngolu hlobo: 360

1.3 Abaviwa baya kohlwaywa ngenxa yoku kulandelayo:

  • Ukusetyenziswa kwetipheksi (correction fluid)
  • Ukushiyelelwa kwemihla
  • Ukusetyenziswa kwezishunqulelo ezingamkelekanga
  • Ukubhala phezu kwamanani
  • Iimpazamo zemigaqo (ukubhala izinto ezingachanekanga ngokwemigaqo ye-accounting
1.4 Abaviwa mababonise ZONKE izinto abazibalileyo (calculations). Jonga lo mzekelo ungezantsi.

Imemorandam:                                        
Inzala kwimali-mboleko ............... (450-150 + 100)
 
      400
Impendulo yoMviwa A                          
Inzala kwimali-mboleko ............... (450-150)
      300
Impendulo yoMviwa B
Inzala kwimali-mboleko
      300

UMviwa A uya kunikwa amanqaku amabini ngokubonisa ukuba ubale kanjani na, nokuba ngaba impendulo ayichanekanga.

UMviwa B akayi kunikwa nalinye inqaku, nokuba ngaba impendulo iyafana naleyo yoMviwa A. Oku kwenziwa kukuba uMviwa B akabonisanga ukuba ubale kanjani na.


2. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane yeCandelo leeMvavanyo kwaziswa bonke abo bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:01