1. Abafundi abasayi kwenziwa lugonyo lumiselwe abaminyaka mi-5 ngoDisemba 2007 noJanuwari 2008.
2. Ukususela nge-1 Februwari 2008 bonke abaneminyaka eyi-6 ubudala baya kufumana isigonyo seTetanus neDiluted Diphtheria (Td). Le nkqubo yokugonya iya kubandakanya abo bafundi bangazange balufumane kwiminyaka eyi-5 yobudala.
3. Iqabaza lesibini le-Td liya kunikwa kwiminyaka eyi-12 yobudala.
4. ISebe leMpilo likazwelonke liya kwazisa iSebe leMfundo likazwelonke ngale nguqu kwi-Vaccination Schedule (kwiShedyuli yokuGonya).
5. Uyacelwa uqinisekise ukuba esi saziso saziswa bonke abantu abachaphazelekayo kwaye sifikeleleka qho kubo.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:26