1. IYunithi yeHIV/AIDS yeSebe leMfundo eNtshona Koloni inqwenela ukwazisa bonke ootitshala, abazali nabafundi ukuba izibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa zeZakhono zoBomi kwiHIV/AIDS ezinikwa izikolo qho ngonyaka, ziya kuphinda zifumaneke kwakhona ezikolweni ngo-2008.
2. Ngenyanga kaSeptemba ukuya kuNovemba 2007, izibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa zeZakhono zoBomi kwiHIV/AIDS ekuzezi iZikhokelo zikaTitshala (Educator Guides), iZikhokelo zooVimba boLwazi (Resource Guides) neencwadi zokusebenza zabafundi (learner workbooks), ezisekho kwizitora ziya kuziswa kwizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni eziwela phantsi kwamaNqanaba eNtlupheko 1, 2 no-3 (WCED Quintile 1, 2 and 3 schools), kwizikolo ze-LSEN nakwiiKholeji zeFET.
3. Kufakwe ezi zibonelelo zilandelayo ukongeza zezikolo ezikwiNqanaba leNtlupheko 1, 2, no-3:
3.1 Stronger than the Storm - Iincwadi zabafundi
3.2 Stronger than the Storm - ISikhokelo sikatitshala

Kucetyiswa ukuba ezi ncwadi zisetyenziswe ngabafundi beBakala 8 no-9 kwinkalo yesifundo yoLwimi. Ukuba ufuna naluphi na uncedo olulolunye, kucelwa ukuba uqhagamshelana nabacebisi bekharityhulam kwii-EMDC.

3.3 IKithi yeBhayiloji-(Biology Kit)- Kucetyiswa ukuba le kithi isetyenziselwe iBakala 8 no-9 kwinkalo yesifundo ye-Natural Sciences.

Ukuba ufuna naluphi na uncedo olulolunye, kucelwa ukuba uqhagamshelana nabacebisi bekharityhulam kwii-EMDC.

4. IYunithi ye-HIV/AIDS inqwenela ukwazisa zonke iintloko zamaziko emfundo ukuba, ukususela ngo-2008, izibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa ezizikopi eziprintiweyo (hard copy material), ziya kunikwa kuphela izikolo ezikumaNqanaba eNtlupheko 1, 2, no-3. Zonke ezinye izikolo ziya kunikwa iikopi zee-CD zezibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa neziya kwenza ootitshala babe nokukhuphela (download) kuphela ezo zibonelelo bazifunayo. Ezi zibonelelo ziya kuqala ukusiwa ezikolweni ngekota yesine ka-2007.
5. Injongo yeYunithi ye-HIV/AIDS kukuba zonke izibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa zeHIV/AIDS zifumaneke kwiziko lewebhu leKharityhulam leWCED ngo-2008, ukuze ngokwenjenjalo, kuqinisekiswe ukuba zonke izikolo ziyafikelela kwezi zibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa. Ezinye izaziso ziya kulandela zakuba izibonelelo ezo zifumaneka kwiziko lewebhu (website).
6. Ukuze ufumane iinkcukacha ezingaphezulu malunga nezibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa ze-HIV/AIDS, kucetyiswa ukuba uqhagamshelane nabacebisi bekharityhulam be-EMDC, nabacwangcisi bekharityhulam abakhulu bakwaNdlunkulu no-Paul Hendricks okanye u-Angelique duToit weYunithi ye-HIV/AIDS kule nombolo yefoni: 021 467 2101 okanye kule imeyili agdutoit@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:07