1. ICandelo loLawulo noKuphathwa kwaMaziko (Institutional Management and Governance Planning [IMGP]) lenza izicwangciso zokubamba iinkomfa zeeSGB ngoSeptemba 2007. Zonke iinqununu zezikolo noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo bayacelwa ukuba babekho kule nkomfa. Funda le program iqhotyoshelweyo.
2. Ziinkomfa ezintathu eziya kubanjwa eNtshona Koloni zezikolo ezikwezi zithili zilandelayo:
  • Breede River & Overberg kwi-Main Hall yaseBoland College, Rainer Street, eWorcester

  • 8:30 - 15:00: 1 Septemba 2007

  • South Cape & Karoo ePacasltsdorp, e-Hope Centre Hall in the Eagle's Nest building, 4 Olympic Drive, Dellville Park, ePacaltsdorp.

  • 8:30 - 15:00: 8 Septemba 2007

  • Kwizithili ezine eziseDolophini (4 Metorpolitan Districts) ne-West Coast & Winelands kwi-Multi-purpose Hall eCape Peninsula University of Technology, Keisergracht Street, eKapa.

  • 8:30 - 15:00: 15 Septemba 2007

Funda imiyalelo yeendlela eziya kwezi ndawo eqhotyoshelweyo.

3. Iinqununu zezikolo noosihlalo beeSGB bayacelwa ukuba bakhwelisane xa besiya kwezi nkomfa. Iinqununu ziya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba apho umgama ohanjiweyo ungaphezulu kwe-100 km ukuya kwicala elinye. Ukwenza ibango ngeendleko zehambo, makungeniswe iifom eziqhotyoshelweyo i-'Subsistence and Transport' no-Z43 kwindawo ekubanjelwe kuyo inkomfa. Amabango afunyanwe engazaliswanga ngokupheleleyo okanye ngokungachanekanga akayi kuhlawulwa. Kucelwa ujonge imizekelo eqhotyoshelweyo ukukuncedisa ekuzaliseni iifom.
4. Kwimeko apho inqununu yesikolo ingenako ukuza kule nkomfa, kodwa yena usihlalo weSGB abekho, kucelwa isikolo ukuba sihlawule iindleko zehambo nokuba sinike iCandelo le-IMGP ubungqina bentlawulo ukuze kubuyiswe iindleko zesikolo.
5. Apho usihlalo weSGB ezihambele yedwa ukuya eNkomfeni kwaye umgama ohanjiweyo ube ngaphezu kwe-100km ukuya kwicala elinye, iCandelo le IMGP liya kusibuyisela isikolo iindleko zaso lakuba lifumene la maxwebhu alandelayo angqiniweyo:
  • Ileta eyintsusa ([ingabi yikopi] ebonisa iletahedi yesikolo yaza yasayinwa ngabo bobabini, inqununu nonondyebo, neyazisa iSebe iWCED ngeendleko zehambo zizonke ezenziwe sisikolo; kunye

  • netshekhi eyintsusa ekheshiweyo (original cashed cheque) enikwe usihlalo weSGB [yaza yafakwa isitampu yibhanki],

    OKANYE

    ivawutsha yekheshi eyintsusa (original cash voucher) yokuhlawula imali enikwe usihlalo nesayinwe ngabantu abanegunya lokwenza oko, kunye nerisithi eyintsusa (neerisithi eziyintsusa) ezibhalwe igama lesikolo zemali efunyenweyo nemayi(zi)sayinwe ngusihlalo.

QAPHELA: Kufuneka izikolo zigcine iikopi zawo onke amaxwebhu ukulungiselela iinjongo zaxa kufuneka ejongiwe amaxwebhu lawo kunye nokuphicothwa kweencwadi zemali.

6. Indawo yokuhlala iya kubonelelwa kuphela iinqununu noosihlalo beeSGB abahambe ngaphezu kwe-200km ukusinga calanye. Iinqununu noosihlalo abaya kufuna indawo yokuhlala kufuneka bazalise icandelo B lale fom iqhotyoshelweyo. Ingcaciso malunga nendawo yokuhlala icelwa kwangoko kakhulu ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukuba iya kufumaneka. Izicelo zendawo yokuhlala ezifunyenwe emva kwalo mhla 24 Agasi 2007 zingangaphumeleli. Ileta yokuqinisekisa ukuba iyafumaneka indawo yokuhlala iya kuthunyelwa kumthunywa ngamnye ofuna indawo yokuhlala.
7. Abantu/izikolo ezinenjongo yokubakho kule nkomfa yeeSGB mazizalise icandelo A lefom eqhotyoshelweyo zize ziyifeksele kuMnu Saul Philander kule nombolo 021 467 2268 phambi kwalo mhla 24 Agasi 2007. Le ngcaciso ifunwa kwangoko kakhulu ukuze kuqinisekiswe ukwenziwa kwamalungiselelo okuqhutywa kwale nkomfa nokucwangcisela inkomfa eya kuba yimpumelelo.
8. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu kwaye unayo nemibuzo, ungaqhagamshelana noMnu Saul Philander pha 021 467 2580.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa oosihlalo beeSGB kuze kuxoxwe ngayo kwiintsuku ezi-4 zomsebenzi kwakuba kufunyenwe le ngcaciso imfutshane ukwenzela ukuba izikolo zinike impendulo ngamaxesha abekiweyo.
10. Iya kuthakazelelwa kakhulu impendulo yakho ebuyiswa ngokukhawuleza.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:14

Conference Programme  (ubukhulu: 5 KB)
Directions to conference  (ubukhulu: 6 KB)
Subsistence and Transport Claim Form and the Z43 Forms ("xls" format: requires Microsoft Excel)  (ubukhulu: 69 KB)
"How to complete the Forms": examples  (ubukhulu: 54 KB)
Attendance & Accommodation Forms  ("icandelo A & B")  (ubukhulu: 6 KB)