1. ICandelwana le-ABET (ABET Sub-directorate) lingene kubambiswano namahlakani amasebe ngamasebe karhulumente, amashishini nawemizi-mveliso (businesses and industries). Ngolu bambiswano, abaqeshwa bafumana ukufundiswa izifundo zakwa-ABET ngamaziko emfundo oluntu (community learning centres) ngeendleko ezithile. Iintlawulo ziye zihlawulwe ngqo kwiziko lemfundo loluntu elichaphazelekayo qho ngekota ngokususela kwiingxelo ezingeniswe lelo ziko lemfundo loluntu.
2. Ikota yesibini yamaziko akwa-ABET iyaphela kwaye oku kuthetha ukuba zilindelekile iingxelo ngabaBafundi beMfundo yoBambiswano (reports for Partnership Learners). Umhla wokungeniswa kwezi ngxelo yi-28 June 2007.
3. Nantso ithempleyithi oyithunyelelwayo iqhotyoshelwe apha ukulungiselela ukungeniswa kwezi ngxelo. Ikwafumaneka nakwi-imeyili apha adamon@pgwc.gov.za.
4. Eminye imihla ezilindeleke ngayo ngo-2007:
Iingxelo zekota yesi-3: 20 Septemba 2007
Iingxelo zekota yesi-4:	27 Novemba 2007
5. Kucelwa uqaphele ukuba, ukuba iingxelo azikhange zifike ngale mihla zilindeleke ngayo, amahlakani akolu bambiswano akayi kuzenza iintlawulo zawo.
6. Kufuneka kuzaliswe iifom zize zibuyiselwe kwaNdlunkulu weSebe iWCED, ukuze ziqwalaselwe ngumququzeleli wemfundo yoBambiswano naMahlakani. Zisengafekselwa apha 021 467 2268 okanye ziposelwe apha: Education, Western Cape Education Department, For attention: ABET Partnership Co-ordinator, Room 8.61, Private Bag X9114, Cape Town, 8000.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:20

INGXELO MALUNGA NEMFUNDO YOBAMBISWANO NAMAHLAKANI  (ubukhulu: 6 KB)