1.

ISebe leMfundo neNtshona Koloni liza kwenza iiprogram zoqhelaniso nomsebenzi kwicandelo lemfundo yophuhliso lwabantwana abasaqalayo (early childhood development (ECD) learnerships) zootitshala beBakala R abaqeshwe kumaziko abhalisiweyo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni. Kukho le miqathango ilandelayo:

  • Iindleko zokufunda ziya kuhlawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
  • Ootitshala kufuneka babe baqeshwe kwiklasi yeBakala R.
  • Uqeqesho luya kuqhubeka emva kwemini ngethuba leeholide zesikolo, kwithuba leenyanga ezili-18.
  • Ekupheleni kwekhosi yoqeqesho, abathathi-nxaxheba baya kuvunywa ngokusesikweni ngokunikwa isatifikethi solwazi esingqinwe yi-ETDP SETA.
  • INqanaba 4 le-NQF livuleleke kubo bonke ootitshala abangenalo uqeqesho lwe-ECD oluvunyiweyo (accredited).
  • INqanaba 5 le-NQF livuleleke kootitshala abanesatifikethi seNqanaba 4 esivunyiweyo okanye abanesatifikethi sematriki.
2. Abenzi-zicelo abangootitshala mabazalise le fom yesicelo iqhotyoshelweyo bayithumele kwi-ECD okanye kumcebisi ngezekharityhulam wesiGaba sesiSeko kwi-EMDC yabo.
3. Umhla wokugqibela wokwamkelwa kwezicelo ngowe-28 Apreli 2007.
4. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-DR SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:04

Yintoni inkqubo yoqhelaniso nomsebenzi (learnership)?  (ubukhulu: 15 KB)
IFOM YESICELO SENKQUBO YE-ECD YOQHELANISO NOMSEBENZI  (ubukhulu: 15 KB)