1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukunika bonke abaqeshwa abangenaso iSatifikethi seMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training Certificate) (GETC)) ithuba lokuba naso.
2. Injongo ye-GETC kukuxhobisa abafundi ngeemfundiso ezisisiseko (values), ngolwazi nangezakhono abazifunayo ukwenzela okanye ukubakhuthaza ukuba badlale indima yabo eya kuba yinzuzo kuluntu, bafake igalelo ekwakheni uluntu oluzinzileyo, banike isiseko sokufunda kwimfundo noqeqesho oluqhubelekayo (further education and training), nokwakha isiseko esomeleleyo sokuqaliswa kwendima ebonakalayo nenkathalo kwindawo yomsebenzi.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni, libambisene ne-Education, Training and Development Practices Sector Education and Training Authority) (ETDP SETA)), linika abaqeshwa abayi-150 ithuba lokuya kwiZiko leMfundo yaBadala le-WCED elibhalisiweyo ngo-2007.
4. Amaziko alolu hlobo afumaneka kuzo zonke izithili yaye aya kufundisa kwiNqanaba 1 - 4 le-ABET mahala. I-EDTP SETA yohlawula zonke iindleko.
5. Bonke abaqeshwa abanomdla bayacelwa ukuba babonise umdla wabo ngokuzalisa ifom eqhotyoshelweyo baze bayibuyisele kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ungekadluli owe-26 Matshi 2007.
6. Ukuze kugcinwe ingcombolo yomqeshwa ngamnye onomdla iyimfihlo kangangoko kunokwenzeka, abo banomdla bayacelwa banike kuphela iinkcukacha zabo zoqhagamshelwano. Icandelwana le-ABET, lincedisana namaZiko eMfundo yaBadala, loqhagamshelana nomntu ngamnye ukufumana iinkcukacha ngakumbi eziyimfuneko ukuze bafakwe elowo nalowo kumaziko.
7. Onke amagosa e-WCED, kubandakanywa nalawo asezithilini nasemazikweni emfundo, ayacelwa akhuthaze bonke abaqeshwa abafuna iMfundo yaBadala babhalise phambi komhla osikiweyo, ngakumbi apho abaqeshwa bangakwaziyo ukufunda kunye/okanye ukubhala.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:09

IPHETSHANA LOKUPHENDULA ISIMEMO  (ubukhulu: 52 KB)