1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazi ngokubaluleka kokunika abasebenzi balo iingcebiso eziyimfuneko nokubanika inkxaso yokuba balandele indlela yokuphila ebagcina bekwentle yona impilo. Ngenxa yoku iSebe iWCED liqalise iProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme (EHWP)) yokunika abaqeshwa uncedo xa kufuneka bejongene nemingeni yobomi neentlekele zobomi. Le program igxininisa imfuneko yokuqulela ingxaki ingekehli (proactive) ukwenzela ukuba uhlale ugcine impilo yakho intle kwaye ulandele indlela yokuba uhlale ukwentle impilo.
2. ISebe iWCED lenze amalungiselelo eprogram yoSuku lweMpilo Qete yaBasebenzi besithili saseMetropole South ngomhla we-23 Agasti 2007 ukususela ngo-12:00 kuye ku-16:00. Indawo eza kuqhutyelwa kuyo le program yoSuku lweMpilo Qete yaBasebenzi yi-Ottery Youth & Teacher Training Centre, EMDC Hall, Plantation Road, Ottery. Eli ziko i-Ottery Youth & Teacher Training Centre ungaqhagamshelana nalo ngale foni 021 703 3198 ukufumana indlela eya kulo.
3. Kuya kubonelelwa ngezi nkonzo zamahala zilandelayo:
  • Iingcebiso ngokondla umzimba
  • Ukwaziswa ngesifo iThibhi (TB awareness)
  • Ukunikwa iingcebiso nge-HIV/AIDS
  • Ukwaziswa ngosetyenziso gwenxa lweziyobisi (substance abuse awareness) nguSANCA
  • Ukutshekishwa ikholesterol (Cholesterol check)
  • Ukutshekishwa uxinzelelo lwegazi (Hypertension)
  • Ukuxilongwa incindi yesibeleko (Pap smear)
  • Ukuxilongelwa umhlaza webele (Breast cancer examination)
  • Ukwaziswa ngeenkonzo zofumana iingcebiso (awareness of counselling services)
  • Itheraphi yokumasajwa ngokupheleleyo (holistic massage therapy)
  • Ukunyamekelwa kweenzipho nezandla (nail and hand care)
  • Iibhegi ezizele zizipho ezithandekayo (goodie bags)
4. Kucelwa wazise bonke ootitshala nabasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:15