1. Ikhosi ye-Advanced Certificate in Education (ACE) kwizifundo ze-Consumer Studies ijolise ekuphuculeni amabanga emfundo yootitshala ukwenzela ukufundisa izifundo ze-Consumer Studies, ezazifudula zifundiswa njenge-Home Economics and Needlework & Clothing.
2. Le khosi ilungiselelwe ootitshala ababefundisa i-Home Economics and Needlework & Clothing kodwa bengenawo amabanga emfundo kwezo zifundo, okanye ootitshala abanekhosi yeminyaka emithathu kwi-Needlework & Clothing kuphela.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kunika iibhasari ootitshala abayi-50 ukuba bafunde le khosi ye-ACE (Consumer Studies).
4. Le khosi ye-ACE iya kufundiswa ngokungesosigxina (part-time) e-University of the Western Cape (UWC) kwithuba leminyaka emibini, ukuqala ngo-Agasti 2007. Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala ootitshala abavela emaphandleni.
5. Ootitshala abanqwenela ukwenza isicelo sebhasari mabazalise iziHlomelo A no-B eziqhotyoshelweyo baze bazingenise ngokuzigqithisa kwiinqununu zezikolo zabo engadlulanga uLwesiBini we-31 Julayi 2007 ukuze zithunyelwe kule dilesi:
The Head: Education
Western Cape Education Department
For Attention: Mr G de Bruyn
Directorate: Human Resource Development
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8000 
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 10 no-11 be-Consumer Studies nabeBakala 12 be-Home Economics and Needlework & Clothing ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:23

Isihlomelo A  (ubukhulu: 33 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 40 KB)