1. ISebe leMfundo eNtshona Koloni licela zonke iinqununu, iikomiti zolawulo zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala, abazali nabafundi ukuba batyumbe ootitshala bemathematika, isayensi nethekhinoloji abasenkonzweni nabasele besidla umhlala-phantsi kwiindawo abakuzo ukuba bangenele amaBhaso oNyaka 2007 ka-Aggrey Klaaste okuWonga uTitshala oGqwesileyo kwiMathematika, iSayensi neThekhinoloji.
2. Abaxhasi ngezimali abaphambili bala mabhaso okutshatshela ekufundiseni ezi zifundo zibaluleke kangaka ngu-Telkom Fondation ne-The Sowetan.
3. Kucelwa niqaphele le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo emalunga nokutyumba ootitshala:
3.1 Ifom yokutyumba ifakwe apha kule ngcaciso imfutshane. Iifotokopi zale fom yokutyumba ziya kwamkeleka nazo.
3.2 Kucelwa ukuba kutyunjwe ootitshala abakula mahlelo alandelayo:

(i) Utitshala osenkonzweni: Isigaba seFET (AmaBakala 10 -12)
(ii) Utitshala osenkonzweni: Isigaba seGET (AmaBakala 4 - 9)
(iii) Utitshala odla umhlala-phantsi

3.3 Kucelwa niqinisekise ukuba ifom yokutyumba izaliswe ngokuchanekileyo nangokupheleleyo.
3.4 Abatyumbi mabasebenzise iikhrayitheriya zokutyumba ezikwifom yokutyumba ukuvavanya ukuba ngaba umtyunjwa ukulungele kusini na okanye unazo kusini na iimpawu eziyimfuneko zokuba atyunjelwe eli bhaso.
3.5 Ngamnye umtyunjwa kufuneka alungise iphotifoliyo emayingeniswe nefom yokutyumba ezaliswe ngokupheleleyo kwi-EMDC eya kusetyenziswa xa kugwetywayo.
3.6 Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo mazithunyelwe kumcebisi ngezekharityhulam oyintloko kwi-EMDC yakho, zibhalwe ngokucacileyo oku "For the attention: Chief Curriculum Adviser - Maths, Science and Technology Educator of the Year Awards 2007. Umhla wokuvala ukungeniswa kwamagama abatyunjwa yi-1 Oktobha 2007.
4. Abazuze amabhaso ephondo kumahlelo amathathu baya kuqwalaselelwa amabhaso kazwelonke, naya kunikezelwa eRhawutini ngoMatshi 2008.
5. Kucelwa ufunde kwicala elingasemva lefom yokutyumba inkcazo ngamabhaso aya kunikezelwa kwinqanaba lephondo nakwinqanaba likazwelonke.
6. Izikolo ekugxilwe kuzo ze-Dinaledi and Technology/Engineering ziyakhuthazwa ngamandla ukuba zityumbe ootitshala abafaneleyo ukufumana la mabhaso kumahlelo ahlukeneyo.
7. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana nomcebisi ngezekharityhulam wesayensi, imathematika nethekhinoloji kwi-EMDC yakho okanye nomquququzeleli wephondo uGavin de Bruyn kule nombolo yefoni 021 467 2575 okanye ngale dilesi ye-imeyili gdebruyn@pgwc.gov.za
8. Siya kuluthakazelela uncedo lwakho lokuthathela ingqalelo imigudu yootitshala abatshatsheleyo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:22


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).