1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhuba kwakhona uphando ngemigangatho yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala kubo bonke abafundi beBakala 6 kweli phondo ngo-Oktobha noNovemba 2007. Oku kuya kuba lityeli lesithathu lokwenza uvavanyo ukususela ngo-2002.
2. Mazincede iinqununu ziqaphele ukuba ezi ziMvavanyo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED Assessment Tests) kwaye AZIZIZO iimvavanyo zokuVavanya iNkqubo yeMfundo (NOT the Systemic Evaluation tests) ezenziwa liSebe leMfundo likazwelonke (national Department of Education), eliya kuba lisenza uvavanyo kwisampula (testing a sample) yabafundi beBakala 3 ekupheleni kwalo nyaka.
3. Ukongeza, iinqununu maziqaphele kwakhona ukuba iimvavanyo ze-SACMEQ (Southern African Consortium for Monitoring Education Quality) zesampula yabafundi beBakala 6 ziya kuqhutywa nazo kamva kwakulo nyaka. Olu ke iya kuba luvavanyo lweBakala 6 kwi-Afrika engasezantsi kweSahara (evaluation of Grade 6 in sub-Saharan Africa). Ingcaciso engaphezulu iya kunikwa liCandelo loQinisekiso lweMigangatho (Directorate: Quality Assurance).
4. Injongo yolu Vavanyo lweBakala 6 kukulinganisa indima eyenziwe ngabafundi ngokujonga impumelelo yabo kunye nenkqubela abayenzileyo ekufikeleleni kwimigangatho eyiyo yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala. Kwakhona olu vavanyo luza kunceda ekulungiseni undonakele (remedial function) luze luncedise iSebe iWCED ekucwangciseni umsebenzi wokunika inkxaso nophuhliso ezikolweni.
5. Olu vavanyo lwabafundi beBakala 6 luza kususela kwimigangatho echazwe kolu xwebhu lweSebe iWCED (Benchmarks for Literacy and Numeracy and the National Curriculum Statement) (NCS)).
6. Sele eqalisiwe amalungiselelo oku yaye ziya kwaziswa zonke izikolo ezinabafundi beBakala 6 kungekudala ngenkqubo eza kulandelwa zize zinikwe nezinye iinkcukacha zezolawulo.
7. Ngokwahlukileyo kuvavanyo lwangaphambili ekwathi kulo kwavavanywa isampula yabafundi abangama-40 elona nani likhulu, kuza kuvavanywa ngo-2007 iqela liphela labafundi beBakala 6.
8. Ziyacelwa izikolo ukuba zincede zihlaziye amanani abafundi bazo beBakala 6 kwi-CEMIS (update their Grade 6 learner numbers on CEMIS), njengoko iRejista yoVavanyo lwaBafundi beBakala 6 (Grade 6 Assessment Learner Register) iya kuba kwi-CEMIS ukwenzela ukuba izikolo ziyizalise zize ziyiprinte kwiintsuku ezimbini ngaphambi kosuku lovavanyo.
9. Kuya kufakwa kwakhona kwi-CEMIS iKhweshine yeeNqununu neKhweshine yooTitshala yabo bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi (Principal Questionnaire and Teacher Questionnaire for all Intermediate Phase teachers) ukwenzela ukuba izaliswe ize iprintwe kwiintsuku ezimbini ngaphambi kosuku lovavanyo ibe sele inikwa uMlawuli woVavanyo (Test Administrator).
10. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane, ngakumbi ootitshala beBakala 6, ukuze bakuthathele ingqalelo.
11. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467 2286 okanye ithunyelwe kuye nge-imeyili apha rcornelissen@pgwc.gov.za.

Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho.



ISAYINWE: NGU-P. PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:29