"We should move faster to address the challenges of poverty, underdevelopment and marginalization confronting those caught within the Second Economy, to ensure that the poor in our country share in our growing prosperity." Okucatshulwe ngqo kwintetho kaMongameli waseMzantsi Afrika uThabo Mbeki (2006)

1. Ngo-2005, ikhabhinethi yavuma ukuphunyezwa kweprogram ye-"affirmative action", oko kukuthi, ukubonelela ngamathuba kwabo babewavinjiwe ngaphambili ukuze kunikwe zonke izikolo zaseMzantsi Afrika ithuba elilinganayo lokubonelela ngemfundo esemgangathweni kubo bonke abafundi bazo. Le program yabizwa ngokuba yi-Quality Improvement, Development, Support and Upliftment Programme, ishunqulelwa ngokuthi yi-"QIDS-UP" nebizwa (pronounced) ngokuba yiprogram i-"KIDS-UP", yaphunyezwa ngo-Apreli 2006, nenjongo yayo ikukunika izibonelelo eziphambili ezifana nezixhobo, izinto ezinokusetyenziswa (supplies), iziseko zophuhliso ezizizakhiwo, oomatshini nezixhobo zokusebenza (infrastructure) nenkxaso kubasebenzi abakwezo zikolo zihleleleke ngokugqithisileyo.
2. Izikolo ezichongelwe i-QIDS UP zikhethwe ngokungqinelana nemigqaliselo yoLwabiwo-mali ngokweMigaqo neMigangatho yoKwabela iMali iZikolo kaZwelonke epapashwe kwiGazethi kaRhulumente 29178 yowe-31 Agasti 2006.ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), ngokungqinelana nemiyalelo ephuma kuzwelonke, likhethe kweli phondo izikolo eziziiprayimari eziyi-374 neziziisekondari eziyi-33 kumanqanaba entlupheko ii-National Quintiles 1 no-2 kwaneqela lezikolo ze-Learner Attainment Strategy (LAS) ukuba zibandakanywe kwi-QIDS-UP. Le program iya kuqhuba de kube ngu-Matshi 2011 kwaye ijolise kubafundi abakwezona zikolo zihlelelekileyo. Kufanele ukuba ifikelela kubafundi abayi-229980 kwizikolo eziyi-491. Inani namagama ezikolo ezichongwe kwi-EMDC nganye zidweliswe kwisiHlomelo A. ICandelo loMlawuli oyiNtloko woCwangciso lweMfundo linovuyo lokuba lazise izikolo ezikhethiweyo ngezinto eziyinzuzo kule program.
3. Inzuzo eza kufunyanwa kule program esusela kwizibonelelo ezikhoyo, ibandakanya oku kulandelayo:
  • Izakhiwo nezinye izibonelelo (Physical resources): Isakhiwo esifanelekileyo, esisemgangathweni nesifikeleleka ngokulula kubo bonke abafundi, ootitshala nabahlali (kubandakanywa nabo bakhubazeke ngokwasemzimbeni); ukubonelelwa ngombane, amanzi okusela nezindlu zangasese; amabala emidlalo kunye/okanye izixhobo zokudlala, ifanitshala (kubandakanywa iidesika, izitulo zootitshala nabafundi, iitafile zootitshala, iikhabhathi neeshelufa zeencwadi); amagumbi okufundela awodwa (specialised classrooms); iibhodi zokubhalela nokubiywa ngokufanelekileyo

  • Izibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa: Iikhompyutha (zokufundisa nokufunda, kwakunye nezokwenza imisebenzi yolawulo); izixhobo ezisetyenziswa e-ofisini kubandakanywa oomatshini bokufotokopa (copiers), iiprinta nabefeksi, iilebhu zesayensi kunye/okanye izixhobo zesayensi, kunye neelayibrari kunye/okanye iiklasi ezineendawo ezinezibonelelo zokufunda

  • Abasebenzi: Ukuphuculwa kwezakhono zootitshala nokunikwa inkxaso kootitshala

  • Ukomeleza iikomiti zolawulo zezikolo namabhunga olawulo ezikolo nokuphuhlisa izakhono zobunkokeli kumabhunga amele abafundi ukwenzela ukuphucula ulawulo lwesikolo

4. Kwakujongwa ubungakanani benkxaso enikwa izikolo ukwenzela ukuba zibe nako ukuba zibe zizikolo ezigqwesileyo ezibeka impumelelo yabafundi kwezemfundo phambili, kunyanzelekile ukuba abo bathatha inxaxheba ezikolweni bathathele ingqalelo oku kulandelayo:
  • Isikolo siya kunyanzeleka ukuba sifakwe kwinkqubo yokuphicothwa kweencwadi zaso ngabantu bangaphandle (an external audit process) ukufumana kanye ezona mfuno zaso zezibonelelo ngexesha eliphakathi ku-Matshi ukuya phakathi kuJuni.

  • Kuya kufuneka ikopi yolu xwebhu lwesikolo-School Self-Evaluation (SSE) neyolu School Improvement Plan (SIP) zingeniswe kwi-EMDC echaphazelekayo ingagqithanga i-30 Juni 2007.

  • Kuya kusayinwa imigaqo yemvumelwano (memorandum of understanding) phakathi kwebhunga lolawulo lesikolo kunye neSebe iWCED.

  • Inkqubo yokubeka iliso nokwenza uvavanyo iya kuqhutywa kwiinyanga ezili-12 emva kokwenziwa kweenkonzo ukuvavanya igalelo laloo nkxaso inikiweyo.



ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:09

Isihlomelo A  (ubukhulu: 74 KB)