1. IsiCwangciso sokuHluma noPhuhliso lwePhondo (Provincial Growth and Development Strategy (PGDS)) ngowona mgaqo-sikhokelo uphambili wesicwangciso nokuphunyezwa kwe-IKapa Elihlumayo weli phondo. Incwadi yeekhathuni eqhotyoshelweyo iveliswe ngenjongo yokuba isasazwe ezikolweni nakubahlali ukwenzela ukubenza babenolwazi ngakumbi yaye basiqonde nangakumbi isicwangciso i-PGDS.
2. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke ootitshala, abasebenzi abangezotitshala, abazali, abafundi nemibutho yasekuhlaleni esebenza nesikolo bonke bayazi ngokuqulathwe yi-PGDS.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:06


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).