1. UMphathiswa weMfundo wePhondo unike iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) igunya lokuba limisele iithagethi zokuphuculwa kwayo yonke intsebenzo yeli Sebe. Njengoko le kuyinkqubo esentsha noko nengelula, iSebe iWCED lenze isigqibo sokumisela iithagethi zethutyana okanye zokuqala ngenjongo yokumisela iithagethi zethuba eliphakathi nezethuba elide. Into ethethwa koku kukuba kula malinge okufikelela kwiithagethi zethuba elifutshane ngo-2007 kuya kuzuzeka amava abalulekileyo aya kusetyenziselwa ukucwangcisela ixesha elizayo. Ezi thagethi zethuba elifutshane zibandakanya oku kulandelayo:
  • Inqanaba lokuphumelela kwabafundi beBakala 12 (njengoko liboniswe apha ngezantsi):

    Izikolo ezipaselwe ngaphantsi kwe-60% ngo-2006Zithagethele ukupaselwa nge-60% ngo-2007
    Izikolo ezipaselwe ngaphezu kwe-60% ngo-2006Zithagethele ukwandisa iziphumo zika-2006 nge-10% ku-2007
    Izikolo ezifumene u-90% ngo-2006Kuvuyiswana kakhulu ngempumelelo yazo ngo-2006 yaye ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba zizondelele ukuphucula iziphumo zazo ngo-2007. Ziyakhuthazwa ukuba ziphucule inani labafundi abafumana isatifikethi sokudlulela phambili (endorsement rate)
    Zonke izikoloZigcine amanani ephelele eyi-100% abafundi abafundayo de bagqibe imfundo yabo abakwiBakala 12 nakwicandelo le-FET

  • Izikolo ekugxilwe kuzo zeMathematika neSayensi: Ukwandisa amanani abafundi ababhalisileyo esikolweni ngonyaka ngamnye nokwandisa nge-10% amanqaku angumndilili ango-2006 abafundi bamaBakala 9 & 10 kwizifundo ekugxilwe kuzo (focus area subjects)

  • Izikolo ekugxilwe kuzo zoBugcisa neNkcubeko: Ukwandisa amanani abafundi ababhalisileyo esikolweni ngonyaka ngamnye nokwandisa nge-10% amanqaku angumndilili ango-2006 abafundi bamaBakala 9 & 10 kwizifundo ekugxilwe kuzo

  • Izikolo ekugxilwe kuzo zeCommerce and Business Management: Ukwandisa amanani abafundi ababhalisileyo esikolweni ngonyaka ngamnye nokwandisa nge-10% amanqaku angumndilili ango-2006 abafundi bamaBakala 9 & 10 kwizifundo ekugxilwe kuzo

  • Kugcinwe amanani ephelele eyi-100% abafundi abafundayo de bagqibe imfundo yabo kwisiGaba seSiseko (Junior Phase), kwisiGaba esiPhakathi (Intermediate Phase) nakwisiGaba saBadala (Senior Phase)

  • Ukwandisa nge-10% ngonyaka ngamnye amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kumaBakala 3, 6 no-8

2. Ukumisela iithagethi makususele kucazululo (analysis) lweziphumo zesikolo ngasinye nakwidatha yomfundi yeminyaka eqalela ku-2003 ukuya ku-2006. Kucetyiswa ukuba inqununu nekomiti yolawulo yesikolo bathetha-thethane nootitshala abachaphazelekayo baze benze iintlanganiso qho nootitshala ukuze kubekwe esweni yaye kujongwe inkqubela kwezi thagethi. Abaphathi beesekethe baceliwe ukuba baququzelele le nkqubo nezikolo nokuba bancedise izikolo apho kuyimfuneko.
3. Ziyacelwa zonke izikolo eziziisekondari ukuba ziqulunqe isicwangciso seminyaka emithathu ukulungiselela ukuphucula inani labafundi abapasa iimviwo zeBakala 12 ngezatifikethi zokudlulela phambili (endorsements). Njengoko oku kuxhomekeke kwizifundo ezikhethiweyo, makuqatshelwe ukuba kufuneka izikolo ziqulunqe isicwangciso sethuba elide sokuphucula inani labafundi abafumana izatifikethi zokudlulela phambili.
4. Eyona njongo ephambili yeSebe iWCED kukugcina uzinzo okokoko yaye kuqhutyekwe nokuzingisa ngenjongo yokuya kufikelela kwiziphumo zokufunda eziphuculweyo.
5. Makuvunyelwane ngeethagethi, zisayinwe libhunga lolawulo lesikolo nalibhunga elimele abafundi, zize zigqithiselwe kumlawili we-EMDC ungadlulanga umhla we-30 Matshi 2007. Iithagethi zeminyaka elandelayo mazimiselwe qho ngoNovemba.
6. Ngako oko ke ziyakhuthazwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke ootitshala, abasebenzi abangezotitshala, abazali nabafundi banolwazi ngokukule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:23