1. Ngokususela kwimeko yokuya kusanda ukunqongophala kwezakhono nokwandisa uthatho-nxaxheba loninzi loluntu oluhlelelekileyo eMzantsi Afrika, iAccelerated and Shared Growth Initiative for South Africa (Asgi-SA) kunye neJoint Initiative for Priority Skills Acquisitions (JIPSA)) ziqalise iindlela zongenelelo ngoncedo zethuba elifutshane nethuba elide olunjongo ikukunyula ebuhlwentshini abo baphila kuqoqosho lodidi lwesibini (second economy). Okubaluleke gqitha kuzo zombini ezi njongo kukusombulula ukunqongophala kwezakhono kumacandelo aphambili (priority sectors) kwezoqoqosho, apho imfuneko yabemi abanokuqesheka abanezakhono iphezulu.
2. IsiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu saseNtshona Koloni (Human Capital Development Strategy) (HCDS) siphendula kwi-Asgi-SA neJIPSA ngokuqaphela iiprogram eziphambili neendlela zongenelelo ngoncedo eziya kukhawulezisa iinzame zokuxhobisa isizwe ngezakhono.
3. Kubhalwe le ngxelo iqhotyoshelweyo ngemeko ekuyiyo njengangoku ngokumalunga neeprogram zophuhliso lwezakhono neenzame ezenziwa liSebe iWCED kwaye ibonisa ubhaliso lwabafundi nenkqubela yabo njengoko injalo nge-30 Juni 2007. Le ngxelo ichaza indlela iSebe iWCED eliphendula ngayo umngeni wokunqongophalo kwezakhono eMzantsi Afrika ngokusebenzisa iiprogram ezahlukeneyo ezifumaneka kumaziko ngamaziko emfundo ephela.
4. Le ngxelo igxile kwindlela iSebe iWCED eliphendula ngayo kwiisethi zezakhono ezi-6 ezingundoqo ophambili (priority skills sets) njengoko ziqatshelweyo kwiJIPSA, ezizezi, ubunjineli, amagcisa (artisans), ezocwangciso lweedolophu nemimandla (town and regional planning), abe-business process outsourcing, ezokhenketho, nezonxibelelwano lwengcaciso nethekhinoloji (information communication and technology). Amanye amacandelo amabini aye aqatshelwa yi-Asgi-SA, ngala, ipetroli evela kwizityalo ((biofuels) (agriculture)), ezocwangcisa nezolawulo.
5. Le ngxelo inokusetyenziswa zizikolo njengoxwebhu olunokufundwa kwizifundo ngezamakhondo omsebenzi (career guidance resource), kwakunye nengcaciso ekwi-MEDS ne-PERO (funda iNgcaciso eMfutshane yezoCwangciso lweMfundo 0007/2007 eyayikhutshwe nge-24 Apreli 2007) ukunceda ekuqapheleni iinkalo apho zifuneka ngamandla kakhulu izakhono kweli phondo. Izikolo zinako ke ngoko ukukhuthaza abafundi bafundele ezo nkalo njengoko amathuba okufumana ingqesho aya kuba phezulu kwaye eli phondo liya kube lisombulula ukunqongophala kwezakhono.
6. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, musa ukuthandabuza qhagamshelana nalo naliphi na ilungu lekomiti yeprojekthi i-HCDS angala: Fiona Lewis (ifoni 021 467 9346, idilesi ye-imeyili: filewis@pgwc.gov.za), Vumile Nyalashe (Ifoni 021 467 9350, idilesi ye-imeyili: vnyalash@pgwc.gov.za) okanye Zaahida Hartley (ifoni 021 467 9354, idilesi ye-imeyili ).


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:22


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).