1. INkomfa esihloko sithi "Quality Assurance: Increasing Accountability and Improving Quality"

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo lokwazisa ngenkomfa yephondo esihloko sithi " "Quality Assurance: Increasing accountability and improving quality", yabaphathi bezikolo, ootitshala namagosa, neya kubanjwa ngomhla we-7 nowe-8 Septemba 2007.

1.1 Le nkomfa iya kuba seKapa. Iinkcukacha ziya kukhutshwa ngo-Meyi ngo-2007.
1.2 Ubhaliso luya kuqhubeka ngoLwesihlanu we-7 Septemba 2007, ngo-09:00 ukuze iingxoxo zemini ziphele ngo-19:00. NgoMgqibelo we-8 Septemba 2007, iiseshoni ziya kuqhutywa ukususela ngo-8:30 ukuya ku-15:30.
1.3 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya amaphepha angezinto zamvanje eziqhubekayo kwimiMgangatho kwezeMfundo kwaye aya kufundwa zizithethi zikazwelonke nezamazwe ngamazwe.
1.4 Inkomfa iya kuqalisa iingxoxo phakathi kwabathathi-nxaxheba ezingoLawulo lweMigangatho kwinkqubo yemfundo kwaye iya kugxininisa ukubaluleka kokuphendula ngemiba eluxanduva oluthwesiweyo (accountability) ukuze kuphuculwe umgangatho wemfundo, kwakunye nokunika iqonga lengxoxo (platform) lokuveza iimbono malunga nokuphuculwa komgangatho wolawulo kwinkqubo yemfundo.

2. Iindleko
2.1 Intlawulo yenkomfa yi-R100 ngomthunywa ngamnye (ukwenzela ukuhlawulela ukuqeshwa kwendawo, ukuprintwa kwamaxwebhu neziphungo, eziya kubandakanya iti neezidlo zasemini ezibini).
2.2 Iyafumaneka inkxaso-mali yokuncedisa kwiindleko zehambo zabathunywa abaya kuhamba umgama ongaphezu kwama-250km ukuya kwindawo yenkomfa (o.k.t. uhambo lokuya nokubuya olungama-500km).
2.3 Abathunywa abaya kufuna indawo yokuhlala ngethuba lokuqhubeka kwenkomfa kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo zendawo yokuhlala.

3. Ubhaliso
3.1 Njengoko le nkomfa iya kulungiselela kuphela abathunywa abangama-500, kufuneka abathunywa abanomdla babhalise ngokukhawuleza.
3.2 Iifom zobhaliso ziya kwenziwa zifumaneke liCandelo loQinisekiso lweMigangatho ngoMeyi 2007.

4. Iinkcukacha ezizezinye malunga nenkomfa ziya kuthunyelwa ekuhambeni kwexesha.
5. Imibuzo ingabhekiswa ngqo kwiCandelo loQinisekiso lweMigangatho apha: lprimo@pgwc.gov.za.
6. Ziyacelwa izikolo ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:12