1. Ikopi yekhalenda ye-PMDS yemijikelo ka-2006/2007 neka-2007/2008 iya kuthunyelwa kubo bonke abaphathi, iisuphavayiza nakootitshala abasezi-ofisini.
2. Abaphathi neesuphavayiza bayakhunjuzwa ukuba banike bonke ootitshala abasezi-ofisini abasisigxina, abasekondiweyo nabethutyana isaziso kwangethuba esimalunga nee-apreyizali zentsebenzo yonyaka (annual performance appraisals) ezenziwa qho ngonyaka nokuba babekele bucala ixesha lezi apreyizali ngoMatshi.
3. Inqanaba lesibini lokumodareyitha, ekuthi kulo kufuneke abaphathi neesuphavayiza baxoxe ngamanqaku okuqala (preliminary scores), maliqhutywe ungadlulanga owe-31 Matshi 2007. IsiKhokelo esivunyiweyo sokuModareyitha siza kufika kuni kungekudala.
4. Abaphathi neesuphavayiza bayakhunjuzwa kwakhona ukuba, kumjikelo ophela nge-31 Matshi 2007, isiCwangciso seNtsebenzo neZiphiwo zoMntu (Work Plan and Capabilities) ziya kuba namanqaku ayi-50 kwinto nganye ukuvumela iyantlukwano (differentiation).
5. Kufanele kuqatshelwe ukuba amanqaku aphezulu eZiphiwo zoMntu (Capabilities) akanakunikwa ukuba iithagethi kwisiCwangciso somSebenzi (Work Plan) azifikelelwanga.
6. Kufuneka amanqaku ayi-50% ewonke ukuze umntu afaneleke ukufumana uchatha oyi-1% kumvuzo (pay progression). Oku kuya kwenza amanqaku ootitshala abasezi-ofisini angqinelane nalawo ootitshala abasezikolweni.
7. Ukufakwa kwamanqaku omjikelo ka-2006/2007 kufanele kufike kwiCandelo loLawulo lwemiGangatho (Directorate: Quality Assurance) ungadlulanga owe-11 Meyi 2007. Ithempleyithi yamanqaku iya kuthunyelwa kubo bonke abaphathi ekupheleni kukaMatshi.
8. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane abaqeshwa abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:28

IZIKHOKELO ZENKQUBO YOKUMODAREYITHA NGOKUNGQINELANA NEMVUMELWANO 3/2002 NEMIBUTHO YABASEBENZI  (ubukhulu: 182 KB)