1. Uhlenga-hlengiso lweSebe iWCED lube neziphumo zokuba kutshintshwe iitayitile zengqesho, iikhowudi zabasezikhundleni kwezinye zezithuba zengqesho zolawulo zeWCED.  INgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo eyakhutshwa nge-16 Oktobha 2007 injongo yayo yayikupapasha iikhowudi ezintsha.
2. Iikhowudi ezihlaziyiweyo, ezisetyenziswa njengeedilesi ukulungiselela abenkonzo yokuhanjiswa kweposi, zaqalisa nge-1 Oktobha 2007. Ukususela ngoko, ikhowudi yoMlawuli oyiNtloko weZithili itshintshiwe ekubeni ibingu-HOD ngoku ngu-HDD.
3. Uluhlu lweekhowudi olupheleleyo nolwenziwe izilungiso (IsiHlomelo A), olubandakanya iidilesi ze-imeyili neenombolo zefoni zabo bangabalawuli, luqhotyoshelwe apha ukulungiselela wena. Kukwaqhotyoshelwe apha noluhlu lwamagama ezithili naweekholeji aseburhulumenteni (IsiHlomelo B).
4. Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yazo zonke izaziso ezikhutshwe ngethuba langaphambili malunga nalo mba.
5. Nayiphi na imibuzo emalunga nokukule ngcaciso imfutshane ingabhekiswa kwaba balandelayo:
Mnu IA Opperman   Ifoni: 021 467 2765
Nks M. Fick       Ifoni: 021 467 2758
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-WL CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:12:11

isiHlomelo A  (ubukhulu: 22 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 16 KB)