1. INGCACISO YOKWANDLALELA
1.1 UMphathiswa weMfundo kuzwelonke uvakalise ukuba ufumene iileta ezininzi ezivela kooTitshala abaziiNtloko zeZifundo (Heads of Department (HOD)) abakwiZithuba zeNqanaba 2 ezikolweni, abaye apho kuzo bavakalisa ukunganeliseki kwabo yimigaqo-nkqubo ekhoyo ngoku elawula imivuzo yootitshala. Uluvo ngokubanzi luthi ootitshala abakwiZithuba zeNqanaba 1 balungiselelwe bhetele bona (advantaged) xa kuthelekiswa nootitshala abakwiZithuba zeNqanaba 2. Bakubona ukuqaliswa kwezikhundla zooTitshala abaKhulu (Senior Teachers) nooTitshala abaneQhuzu (Master Teachers) nokuba aba titshala kungenzeka banyukele kwiNqanaba loMvuzo 9, njengengxaki nento ebatheza amandla (counterproductive).
1.2 UMphathiswa weMfundo kuzwelonke, ke ngoko, ucele ukuba ootitshala bacaciselwe ngesizathu esibangele la manyathelo matsha ukwenzela ukuba babe nolwazi olubhetele ngawo.
1.3 Iimeko zengqesho ezintsha zenzelwa uthetha-thethwana kuze kuvunyelwane ngazo kwiBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMsebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)), phakathi kweSebe leMfundo kuzwelonke, (uMqeshi), nabameli bemibutho yeemanyano zabasebenzi (iMibutho yaBaqeshwa). Ngako oko ke ayinakwenzeka into yokuba iSebe leMfundo kuzwelonke lizithathele isigqibo lilodwa lingadibananga nemibutho, lize liphumeze lodwa naliphi na inyathelo elitsha elinegalelo kwiimeko zengqesho ezikhoyo.

2. IMIVUZO YOOTITSHALA ABAKWISITHUBA SENQANABA 1 NOOTITSHALA ABAKWISITHUBA SENQANABA 2 PHAMBI KOKUQALA KWEZIKHUNDLA ZOOTITSHALA ABAKHULU NOOTITSHALA ABANEQHUZU (SENIOR AND MASTER TEACHER)

Le theyibhile ilandelayo ibonisa imivuzo eyayisetyenziswayo kootitshala abakwiSithuba seNqanaba 1 no-2, nebonisa ngokucace gca umahluko owawukho kwimivuzo yootitshala ababeqeqeshwe ngokupheleleyo nabo bangaqeqeshwanga ngokupheleleyo (under-qualified):

IZITHUBAAMANQANABA OMVUZO AYESETYENZISWA
 I-REQV 10I-REQV 11I-REQV 12I-REQV 13I-REQV 14+
Utitshala
Umhlohli
Inqununu 1
33, 4 no-5 4, 5 no-6 6, 7 no-87 no-8
Ingcali yezeMfundo
Head of Department
(HOD)
5678 no-98 no-9

3. IMIGAQO-NKQUBO EMITSHA ECHAPHAZELA IMEKO YOOTITSHALA ABAKWISITHUBA SENQANABA 1
3.1 IMVUMELWANO YOTHETHA-THETHWANO NEMIBUTHO YABASEBENZI YE-ELRC NO. 4 KA-2003
Ukuma kwezithuba zengqesho nemivuzo kwangoku (current post and salary structure) kwaphunyezwa nge-1 Apreli 2003. Oku kwenziwa ngokungqinelana neMvumelwano yoThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi ye-ELRC No. 4 ka-2003. Oku kuma kwemivuzo (salary structure) kutsha kwalungiselela ukutshintshwa kweSithuba seNqanaba 1 sootitshala ababesele behlawulwa kwiNqanaba loMvuzo 8, ukuba babe ngooTitshala abaKhulu (Senior Teachers). Aba titshala baKhulu banikwa inotshi eyongezelelweyo ukususela kwi-1 Januwari 2004, lo gama ootitshala ababesele bekwiNqanaba loMvuzo 8, kwiNotshi 6 okanye engaphezu koku bengazange bafumana naziphi na iinotshi ezongezelelweyo. Isikhundla sikaTitshala oMkhulu (Senior Teacher) ayisosithuba sonyuselo-sikhundleni yaye ezi zikhundla azipapashwa. UTitshala oMkhulu ngutitshala okwiSithuba seNqanaba 1 onesakhono sokunika ingcebiso kootitshala abanamava angengako (less experienced teachers). Bonke ootitshala abafanelekileyo bafumana unyuselo ngenotshi yonyaka ukususela kwi-1 Julayi 2004, kodwa ooTitshala abaKhulu abafumana ukunyuselwa ngenotshi ukususela kwi-1 Januwari 2004, abazange bafaneleke ukufumana inotshi enye eyongezelelweyo ngalo mhla.
3.2 IMVUMELWANO YOTHETHA-THETHWANO NEMIBUTHO YABASEBENZI YE-ELRC NO.5 KA-2006
IMvumelwano yoThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi ye-ELRC 5 ka-2006 ibonelela ngokuqaliswa kwesikhundla sooTitshala abaneQhuzu (Master Teacher) kwiSithuba seNqanaba 1, nabaya kuhlawulwa kwiNqanaba loMvuzo 9 ukususela kwi-1 Julayi 2005. Lo mmiselo mtsha uqala into enokwenzeka yokuba ootitshala beSithuba seNqanaba 1, banyukele kwiNqanaba loMvuzo 9, ekubeni kwixa elingaphambili, bebenyukela kwiNqanaba loMvuzo 8 ebekulelona liphezulu. Esi sikhundla naso ayisosikhundla sonyuselo-sikhundleni kwaye izithuba ezilolu hlobo azisokuze zipapashwe. AmaNqanaba eMivuzo 6, 7, 8 no-9 ke ngoko ayasetyenziswa ngoku kwabo titshala baqeqeshwe ngokupheleleyo nabane-REQV 13 kwiSithuba seNqanaba 1.

4. ISITHUBA SONYUSELO-SIKHUNDLENI KWINQANABA 2 SIKATITSHALA OYINTLOKO YEZIFUNDO (HOD)
4.1 Isithuba sikaTitshala oyiNtloko yeZifundo (HOD) sisithuba sonyuselo-sikhundleni kwiSithuba seNqanaba 2 kwaye ootitshala beSithuba seNqanaba 1 abafanelekileyo, kufuneka benze izicelo zezi zithuba. Ii-HOD zihlawulwa kumaNqanaba oMvuzo 8 no-9. Omabini la maNqanaba oMvuzo u-8 no-9 ke ngoko ayasetyenziswa kwezi ndidi zombini zootitshala zeZithuba zamaNqanaba 1 no-2. Xa enyuselwa kwiSithuba seNqanaba 2, utitshala unyukela ubuncinane kwisithuba seNqanaba loMvuzo 8, ekubeni utitshala osele ekwiNqanaba loMvuzo 8, uye afumane uchatha weenotshi ezi-3. Ngoko ke, xa utitshala enyuselwe ngokukhawuleza, kulapho athi abe phezulu uchatha amfumanayo yaye kulapho athi akhawuleze ukuqalisa ukunyukela kwinqanaba lomvuzo elisetyenziswayo eliphezulu.
4.2 Isithuba somvuzo katitshala onyuselweyo ukuya kwiSithuba seNqanaba 2 asisokuze sibe ngaphantsi kweNqanaba loMvuzo 8. Nawuphi na utitshala ofanelekileyo kwiSithuba seNqanaba 1 onamava eminyaka emi-3 ubuncinane, angafaka isicelo kwizithuba ezivulekileyo, kwaye anganyukela kwelo nqanaba lomvuzo kungakhathaliseki nokuba ngaba ukhe wakwiNqanaba loMvuzo 6 okanye 7 kwixa elidlulileyo. Ukuba utitshala sele ehlawulwa kwiNqanaba loMvuzo 8 okanye 9, loo titshala uya kufumana iinotshi ezi-3 ezongezelelweyo, oku kusenziwa ukuthathela ingqalelo olo nyuselo.

5. INXAXHEBA YAMABANGA EMFUNDO APHUCULWEYO EKUNYUKENI KOMVUZO

Mayiqatshelwe into yokuba ukunyukela komvuzo kuxhomekeke kwimiba ngemiba eyahlukeneyo, enjengale, amabanga emfundo katitshala ngexesha lokuqeshwa kwakhe, wayifumana kweliphi inqanaba i-Relative Evaluation Qualification Value (REQV) 14 okanye engaphezu koku, nokuba wanyuselwa ngokukhawuleza kangakanani na. Kuthatha iqela leminyaka ukuba utitshala weSithuba seNqanaba 1 afikelele kwiNqanaba loMvuzo 8 (inqanaba lomvuzo ekuqalwa kulo kootitshala beSithuba seNqanaba 2). Utitshala okwiSithuba seNqanaba 2 nokwiNqanaba loMvuzo 9, ngutitshala onamava kakhulu nofumana umvuzo ofana nowe-HOD. Isizathu sokuba kuphunyezwe eli nyathelo kukuba utitshala ololu hlobo akayi kusuka nje ahendeke ngokulula afake isicelo kwiSithuba seNqanaba 2 okanye kwisithuba esingaphandle kweSebe leMfundo, ngoko ko ke ukwenza ngolu hlobo kuya kuqinisekisa ukuba ootitshala abanamava axabisekileyo bahlala beseklasini.


6. ISebe iWCED licela ukuba izikolo maziqhagamshelane neSebe xa ngaba zicinga ukuba kukho imfuneko yokuba kubanjwe umasifundisane malunga nalo mba engawo le ngcaciso emfutshane.
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo uze ubacele ukuba bayisayine bakugqiba ukuyifunda yaye babhale umhla ukubonisa ukuba balufumene olu xwebhu.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:17