1. Ngokubhekiselele kwiNgcaciso eMfutshane yaMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0031/2006 ye-18 Disemba 2006, abasebenzi sele bexelelwe ngenkqubo entsha yeefoni eza kufakelwa kwiSebe iWCED kwanangophazamiseko lwenkonzo olungahle lwenzeke.
2. Ngenxa yokulibaziseka okuthile okuye kwakho malunga nokwenziwa kweenkonzo, ukufakelwa kwenkqubo yeefoni ngoku kuya kugqitywa kuphela ingagqithanga i-5 Februwari 2007.
3. Ukuba nabaphi na abasebenzi bafumana iingxaki malunga nokunxibelelana ngefoni emva kokufakelwa kwale nkqubo intsha yeefoni nge-5 Februwari 2007, bayacelwa abasebenzi ukuba bazixele iingxaki ezo ngoko nangoko kwiCandelo leeNkonzo zeeFoni kwezi nombolo: 2792, 2793 okanye 2794 ukwenzela ukuba zisonjululwe ezo ngxaki.
4. Okuqulethwe kule ngcaciso makwaziswe bonke abo bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. Nayiphi na imibuzo ingabhekiswa ngqo kuMnu DH Rossouw kule nombolo: 021 467 2793.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:12