1. Ngokwezitatistikhi zakutshanje zezehlo ekunikwe ingxelo ngazo, kuye kwakho ukwanda kwinani lezehlo zokuyeka emsebenzini ngaphandle kwemvume ezaxelwa kwiCandelo loBudlelane emSebenzini (Directorate: Labour Relations). Kuye ngoko ke kwayimfuneko ukuwuphinda ngokuthe gca umthetho ofanelekileyo kulo mba, nokuyalela iintloko zamaziko emfundo ukuba zazise lo mgaqo-nkqubo kubo bonke abaqeshwa.
2. Qaphela ngoko ke isiQendu 14(1)(a) soMthetho weNgqesho wooTitshala (UMthetho nombolo 76 wowe-1998) nesiQendu 17(5)(a) soMthetho waBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (isiHlokomiso 103 sowe-1994) (Section 14(1)(a) of the Employment of Educators Act (Act number 76 of 1998) and Section 17(5)(a) of the Public Service Act (Proclamation 103 of 1994), zombini kufuneka zifundwe neSetyhula 0005 yowe-2000 ye-WCED (WCED Circular 0005 of 2000), ezinxulumene nomgaqo-nkqubo wokuyeka emsebenzini ngaphandle kwemvume kootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente ngokulandelelanayo.
3. Utitshala ongekhoyo ngaphandle kwemvume kwisithuba sexesha elide kuneentsuku ezilishumi elinesine (14) zilandelelana, okanye umsebenzi wenkonzo karhulumente ongekhoyo kwisithuba sexesha elingaphezulu kweentsuku ezingama-30 zekhalenda, uya kuthathwa njengoyeke ngaphandle kwemvume (abscondment) ngokwesiqendu esifanelekileyo njengoko kuchaziweyo ngasentla. Le nto ithetha ukuba umqeshwa uya kuthathwa njengozikhuphileyo kwinkonzo.
4. Iintloko zamaziko emfundo nabaphathi kulindeleke ukuba babugxininise ubuzaza balo mba kubo bonke abaqeshwa kunye nokubazisa ngeziphumo ezingalindeleka ukuba bangayeka emsebenzini ngaphandle kwemvume.
5. Okubhalwe kule ngcaciso emfutshane makwaziswe bonke abaqeshwa, ekufuneka basayine bevuma ukuba bayakuqonda okubhalwe apho. Irekhodi yokuvuma oko kubhalwe kule ngcaciso emfutshane mayigcinwe kwifayili esikolweni ukulungiselela ukuba isetyenziswe kwixesha elizayo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:22