1. |
Esinye seziphumo ezingundoqo ezikwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke sifuna ukuba abafundi babe nako "ukuqokelela, ukucazulula, ukucwangcisa, ukuhlalutya ingcaciso" o.k.t. ukuzuza izakhono zolwazi lokufunda nokubhala. Kwizikolo zethu, iilayibrari zizitshixo zokufikelela kolu lwazi.
|
2. |
Ngako oko ke kubaluleke gqitha ukuba kubekho iintlobo ezininzi zeencwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda elayibrari, ukongeza kwiincwadi zezifundo (textbooks) neencwadi zokufunda (readers), nekufuneka zifumaneke ngenjongo yokuba zisetyenziswe ezikolweni, ukwenzela ukuba abafundi bakwazi
- ukuphucula izakhono zokufunda nokubhala, umz. ukufunda, upelo lwamagama, ingqiqo yokwazi intsingiselo yokubhaliweyo nokubhala.
- ukuphuhlisa izakhono zolwazi lokubala.
- ukufikelela nokusebenzisa imithombo yolwazi eyingxam yokuphumeza ngempumelelo inkonzo yeMfundo ngekhompyutha (e-Learning).
- Ukutolika ingcaciso ukwenzela ukuba elowo nalowo azivelisele ulwazi olutsha olulolwakhe.
- ukubona izinto ezintsingiselo ikekelele kwicala elithile (biased), engachanekanga nengcaciso elabalabayo.
- ukwenza izigqibo ezicingisisiweyo ezisekelwe ekucazululeni nasehlalutyeni ingcaciso.
- ukucinga ngendlela yokubona izinto ngeendlela ezininzi.
|
3. |
Izibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari zibandakanya oku kulandelayo:
- imiqulu yeencwadi yokukhangela amagama nengcaciso (ii-ensayiklophidiya, ii-atlasi, izichazi-magama njl. njl.)
- iincwadi ezingengomabali (iincwadi zengcaciso nezinto ezenzekayo)
- iincwadi ezingamabali (iinoveli, amabali amafutshane, iintsomi, iilejendi, iincwadi zemifanekiso, njl. njl.)
- iiphowusta neephamflethi
- iimagazini namaphephandaba
- iikhasethi ezimanyelwayo (audio cassettes) esele zirekhodiwe, iiCD, iividiyo, iiDVD neeCD-ROM
- iintlobo ngeentlobo zeziboneleo zelayibrari zamajelo engcaciso amaninzi (multimedia packages).
|
4. |
Imigaqo nemigangatho yolwabiwo-mali yezikolo (norms & standards funding for schools) yenza isibonelelo sokuthengwa kweencwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari (kwakunye neencwadi zezifundo ezimiselweyo nezifundwayo (textbooks and readers). Le ngcaciso ilandelayo ekwisetyhula 0049/2006 ibhekiselele koku:
|
4.1 |
Kucetyiswa ukuba izikolo zisebenzise i-60% yesabelo-mali sazo ukuthenga "iincwadi zezifundo nezinye iincwadi" (textbooks and other books) (umhlathi 5.1 wale setyhula).
|
4.2 |
Iincwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari zibandakanywe kwigama elithi "ezinye iincwadi" (umhlathi 4 wesiHlomelo A).
|
4.3 |
Zonke izikolo mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo wokuThengwa kweeMpahla/kweeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) wephondo ekusebenziseni isabelo-mali sazo ngokweMigaqo neMigangatho (N & S allocations) ekuthengeni iincwadi zezifundo (textbooks) kubandakanywa iincwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari (umhlathi 5.1.1 (b) wesetyhula).
|
4.4 |
Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 (Section 21 schools) mazithenge i-LTSM yazo, kubandakanywa iincwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda, kwaye zingene kwezinye iindleko ngokwazo (umhlathi 5.1.1 (d) wesetyhula).
|
4.5 |
Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 kufuneka zenze izicelo zokufumana "iincwadi zezifundo nezinye iincwadi", kubandakanywa nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari ngokungenisa iFom WCED-034 (umhlathi 3.2 wesiHlomelo A) kulo: The LTSM Project Manager Block C, EMDC: Metropole East, Nooiensfontein Road, Kuils River, 7580 (umhlathi 2 wesiHlomelo A).
|
4.6 |
Usuku olusikelwe ukungeniswa kweerikhwizishini eziphambili "zeencwadi zezifundo nezinye iincwadi" zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 nguLwesine, we-26 Apreli 2007 (umhlathi 3.5 wesiHlomelo A). Nangona kunjalo iirikhwizishini zeencwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari zingangeniswa de kube ngowe-18 Julayi 2007 njengee-odolo ezongezelelweyo (ukuba izikolo sele zizingenisile iirikhwizishini zazo eziphambili ngefom WCED-034 kwi-ofisi eseKuils River). Imali yezi ncwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari kumele ukuba yayibandakanywe kwisabelo-mali esabelwe i-LTSM (isixa-mali sisonke seencwadi zezifundo nezinye iincwadi (textbooks and other books)) kwifom WCED-032 yebhajethi yesikolo ka-2007/08.
|
4.7 |
Ii-odolo ezongezelelweyo ze-LTSM (izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa, kubandakanywa neencwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda zaselayibrari zisenako ukungeniswa de kube ngumhla we-30 Novemba 2007 (umhlathi 3.5.2 wesiHlomelo A).
|
5. |
Ukufumana ingcaciso nengcebiso engaphezulu ngokumalunga noku kungentla, kucelwa ukuba uqhagamshelane noTheresa Bergsma kwa-EDULIS (WCED Education Library and Information Service), kule nombolo yefoni: 021 957-9638, yefeksi: 021 948 0748 okanye nge-imeyili apha: tbergsma@pgwc.gov.za.
|
ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:20
|