1. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko (Department of Arts and Culture), ngokubambisana noMbutho waseMzantsi Afrika weeLayibrari neNgcaciso (Library and Information Association of South Africa (LIASA)), libhengeze iveki eqalela kwi-19 ukuya kwi-24 Matshi 2007 ukuba yiVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika. Ngale veki uMzantsi Afrika uza kuvuyela kwaye ukhuthaze iinkonzo zeelayibrari nengcaciso kusetyenziswa lo mxholo: Libraries: Your Key to the Future (IiLayibrari: Isitshixo Esikusa Kwikamva Lakho).
2. Kucelwa uvule uze ufunde uxwebhu oluqhotyoshelweyo oluneentlobo ngeentlobo zeengcebiso zokuba izikolo zingayibhiyozela njani iVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika ku-2007.
3. Ngenxa yokuba isiya ibaluleka ngakumbi nangakumbi indima edlalwa ziincwadi nezinto zokuxhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) ekufundiseni nasekufundeni kwimfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based), kumelwe ootitshala bazi ngokufumaneka kwezibonelelo ezikwiilayibrari ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yombhiyozo weVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika 2007 nokukhuthazwa kweenkonzo zeelayibrari nengcaciso zeSebe leMfundo leNtshona Koloni, wena nootitshala bakho ngoko ke niyacelwa ukuba nenze amalungiselelo otyelelo kwiLayibrari yakwa-EDULIS okanye kumaZiko athile angooVimba beeNcwadi nezinto zokufunda akwi-EMDC ukuya kuqhelaniswa nokwaziswa ngezi nkonzo kwanezibonelelo ezikhoyo zohlobo olulodwa ezikwiilayibrari. Utyelelo lwamaqela abantu malungapheleli kuphela kweli thuba lisusela kwi- 19 kuye kwi-24 Matshi, koko lungalungiselelwa ukuba lulungele wena nootitshala bakho.
4. I-EDULIS Library Central Collection eseBellville nee-EMDC Resource Centre Collections eMitchells Plain, Paarl, George, Worcester naseKuils River zinale LTSM ilandelayo ekhoyo ukuba ibolekwe ngulowo nalowo titshala, okanye kubolekwe iqela leencwadi zizikolo:
  • Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), nezokuphuhlisa ulwazi lokufunda nokubhala kunye nolokubala (literacy and numeracy development), (ezininzi kuzo kungenziwa iifotokopi)

  • Iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam

  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli

  • Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemiba yezemfundo nokuveliswa kwemigaqo-nkqubo

  • Izinto zokufunda ezingemibandela ebaluleke gqitha ekhoyo ngoku, umz. ulwazi lokufunda nokubhala kunye nolokubala, imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha (discipline and behaviour problems), ukulungiselela abo baneemfuno ezizodwa zemfundo (differentiation), iHIV/AIDS, nokuchatshazelwa kweemveku ezingekazalwa butywala (foetal alcohol syndrome)

  • Izinto zokufunda ezijolise kubafundi (kubandakanywa iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala abangazisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods), eziye zajongisiswa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo

  • Iividiyo, iiDVD, iiodiyokhasethi, iiCD, iiCD-ROM nezixhobo zemidiya ezintlobo ngeentlobo (multimedia) ezifikelela kwintlaninge yezihloko ukuqhamisa nokuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini (topics to enrich and support classroom teaching and learning).

5. Ngokumalunga noku kulapha ngasentla ungaqhagamshelana naba nolayibrari balandelayo:
Susan Hanekom
EDULIS Library, Bellville
021 957 9617

Cheryl Joseph
EMDC Metropole East Resource Centre/
EDULIS Branch Library, Kuils River
021 900 5111

Ntombi Mngxuma
EMDC Metropole South: Brian O'Connell 
Resource Centre, Mitchells Plain
021 370 2084

Ina Heiberg
EMDC West Coast & Winelands 
Resource Centre, Paarl
021 860 1229

Sam Webber EMDC South Cape & 
Karoo Resource Centre, George
044 803 8328

Janine Ontong
EMDC Breede River & Overberg 
Resource Centre, Worcester
023 348 4657
6. Ngenxa yokungabikho kweziko elinguvimba weencwadi nezinto zokufunda elisebenza kakuhle kule EMDC: Metropole Central kunye nokuphendula intlaninge yezicelo ezivela kootitshala bezikolo ezikwesi sithili, kuthathwe isigqibo sokuseka iNdawo yokuKhupha nokuBuyisa iiNcwadi (Collection Point) kwa-EDUMEDIA e-Mowbray ukulungiselela izikolo eziboleka iqela leencwadi (block loans) kwiLayibrari u-EDULIS. Eli nyathelo lethutyana liya kusebenza de kube kusekwe iziko elinguvimba weencwadi nezinto zokufunda kule EMDC: Metropole Central.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:21

IMISEBENZI ENOKWENZIWA UKULUNGISELELA IVEKI YEELAYIBRARI ZASEMZANTSI AFRIKA  (ubukhulu: 56 KB)