1. Umboniso weencwadi zelayibrari yesikolo okanye izinto zokufunda zolwazi zoovimba bolwazi (eziquka ii-CD, ii-DVD neevidiyo) eseziphononongiwe ngaBaphononongi bakwa-EDULIS beCandelo leZibonelelo zeKharityhulam nekucetyiswa ukuba zithengwe ziilayibrari zezikolo okanye ngoovimba bolwazi, ziza kuboniswa ngolu hlobo:

Indawo: EDULIS Seminar Room, 15 Kruskal Avenue, Bellville
Ubude bexesha lomboniso: 23 Epreli (USuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela) ukuya kowe-4 Meyi 2007
Amaxesha otyelelo: NgeMivulo ukuya ngoLwezihlanu, 10:30 ukuya ku- 16:00

 

2. Imiqulu yezalathiso nezinto zokufunda ezinika ingcaciso ngomboniso ziquka iinkalo zezifundo ngokubanzi. Kwakhona kuza kuboniswa iintlobo ngeentlobo zeencwadi zemifanekiso noncwadi lwamabali lomlisela nomthinjana.
3. Baza kuba bekho aBaphononongi bakwa-EDULIS beCandelo leZibonelelo zeKharityhulam ukuze baphendule imibuzo ngezi zinto zokufunda zingasentla, ekufanele ukuba zithengwe zizikolo ngemali eyabiwe ngokweMigaqo nemiGangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards) okanye esuka kwingxowa-mali yesikolo.
4. Kuza kuxoxwa ngoncwadi lwamabali eAfrikansi, isiNgesi nesiXhosa iintsuku ezimbini emva kwemini (ngomhla we-25 nowe-26 Epreli 2007) phakathi kwe -15:00 ne-16:30.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba ezi zaziso zibini ziqhotyoshelweyo zinokuxhonywa kwindawo esemboniselweni nokuba baxelelwe ootitshala ngomboniso nangeentetho ezimalunga noncwadi, ngakumbi abo ingumsebenzi wabo ukongamela iilayibrari zezikolo okanye oovimba bolwazi, ngakumbi ukwaziswa ngomboniso neentetho malunga noncwadi.

6. IMIBONISO KWII-EMDC

Iincwadi eziqokelelweyo ze-EDULIS EXPO ziya kuboniswa ngokunjalo kwii-EMDC ezahluka-hlukeneyo nezo ziphantsi kwazo ngoFebruwari nangoMatshi 2007. Iinkcukacha ezingaphezulu niya ngumqeshwa weziko lolwazi we-EMDC leyo echaphazelekayo.

  • 19 - 22 Februwari (uza kuqhubeka ngaxeshanye neeseshoni zoqeqesho lwelayibrari yesikolo): EMDC Breede River / Overberg Resource Centre, Janine Ontong, 9 Durban Street, Worcester, 6850, ifoni. 023 348 4657, ifeksi 023 347 4011, i-imeyili jcontong@pgwc.gov.za

  • 27 Februwari - 2 Matshi: EMDC West Coast / Winelands Resource Centre, Ina Heiberg, 6 Hospital Street, Paarl, 7646, ifoni. 021 860 1229, ifeksi 021 872 5394, i-imeyili iheiberg@pgwc.gov.za

  • 5 - 9 Matshi (uza kuqhubeka ngexesha elinye neeseshoni zoqeqesho lwelayibrari yesikolo): EMDC Metropole South: Brian O'Connell Resource Centre, Ntombi Mngxuma, AZ Berman Drive, Mitchell's Plain, 7785, ifoni. 021 370 2084, ifeksi 021 372 1856, i-imeyili nmngxuma@pgwc.gov.za

  • 12 - 20 Matshi (uza kuqhubeka ngexesha elinye neeseshoni zoqeqesho lwelayibrari yesikolo): EMDC South Cape / Karoo Resource Centre, Sam Webber, Rentzburghof Building, 42 Courtenay Street, George, 6510, ifoni. 044 803 8328, ifeksi 044 873 2253, i-imeyili swebber@pgwc.gov.za

  • 26 - 30 Matshi: EMDC Metropole East / EDULIS Branch Library, Cheryl Joseph, Belhar Road, Kuils River, 7580, ifoni. 021 900 5111, ifeksi 021 900 5162, i-imeyili cehjoseph@pgwc.gov.za

  • 16 - 18 Epreli: EMDC Metropole North, Jenny Caroto, Timmerman Street, Parow, 7500, ifoni. 021 938 3172, ifeksi 021 938 3171, i-imeyili jcaroto@pgwc.gov.za



ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:21

UKUFUNDELA UKUZONWABISA  (ubukhulu: 15 KB)
UMBONISO  (ubukhulu: 12 KB)