1. NgokweProvincial Framework on HIV and AIDS in the Workplace, isebe ngalinye kufuneka liqeqeshe umntu abe mnye kubaqeshwa abayi-50 njengotitshala ongumlingane (peer educator).
2. Indima nomsebenzi katitshala ongumlingane kukunika ulwazi nge-HIV ne-AIDS kwinqanaba lesiqhelo (informal level) nokuthumela abaqeshwa kwimibutho enika inkxaso efanelekileyo.
3. Uqeqesho lootitshala abangabalingane luya kunika ithuba kwabo baqeshwa abanqwenela ukuzibandakanya kulawulo lwezempilo. Utitshala ongumlingane ongumzekelo ufanele ukuba ngumntu ozinzileyo nokwaziyo ukumamela ngokungathathi cala, onolangazelelo lokunceda uwabo, abe ngumntu onokuthenjwa ukuba angayigcina ingcaciso eyimfihlo.
4. Iinkcukacha zekhosi yoqeqesho lweentsuku ezi-3 zootitshala abangabalingane zimi ngolu hlobo lulandelayo:
Imihla:  11, 12 & 13 Februwari 2008 
Ixesha:  08:00 ukuya ku-15:30 ngosuku ngalunye
Indawo:  Cape Town Central Business District
5. Ibingathakazelelwa eyokuba ubungatyumba abaqeshwa kulo naliphi inqanaba kwabo banqwenela ukuba ngootitshala abangabalingane. Uyacelwa uqaphele ukuba iseshoni yoqeqesho yenzelwe abaqeshwa benkonzo karhulumente kuphela.
6. Ifom yesicelo yotitshala ongumlingane iqhotyoshelwe apha ukuze izaliswe ngumtyunjwa ngamnye ize yakuzaliswa, ifekselwe ukuba ibe nokuqwalaselwa nguMatthew Daniel, kwifeksi 021 467 2694 ungadlulanga owe-28 Januwari 2008. Qaphela ukuba ukuzaliswa kwefom yesicelo akukuniki siqinisekiso ngokuzenzekelayo sokuba wamkelwe kwikhosi yoqeqesho.
7. Intsebenziswano yakho ekwenzeni olu qeqesho lube yimpumelelo iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-S CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:12:19

IFOM KATITSHALA ONGUMLINGANE YE-HIV & AIDS  (ubukhulu: 102 KB)